Ebefuna ukuhamba nomakhulu xa egreda

URetsang Morake uzizobile esithi uzobela umakhulu wakhe owamkhulisayo abone imisebenzi yakhe

“Ukuzinikela kwinto endiyenzayo, ukunyamezela imeko kwanokulinda xa into ndingenayo, zizinto endazifundiswa ngumakhulu wam uNokhaya Nomemeza endakhuliswa nguye emva kokusweleka komama ondizalayo.” Lawo ngamazwi kaRetsang Morake, 24, ongomnye wabafundi ebebethweswa izidanga eWalter Sisulu ngempelaveki.

UMorake, wakwaTyutyu eBhisho, uthi ukuthweswa kwabafundi ngonxibelelwano lomnatha (online) khange ibe yinto emvuyisayo kuba ibiyimini ebecinga ukuba uza kuhamba noNokhaya xa ekhwazwa eqongeni ngolu suku.

“Akukho kwenza ngakumbi kuba ke kukwasindiswa nathi kwiKhorona. Kodwa yayisoloko iliphupho lam ukuhamba nomakhulu wam ngosuku lwam lokugreda andibone, kwaye azibone neziphumo zengqeqesho yakhe kum. Ndingowokuqala ekhaya ukubanemfundo enomsila kungoko bendinqwenela abekhona,” utshilo uMorake.

Wakhuliswa ngumakhulu wakhe ukusukela kwiminyaka emithandathu emva kokusweleka kukamama wakhe ngo2004.

Uthi bakhule besixhenxe nabanye abazukulwana bakaNokhaya, bekhuliswa ngegranti nanjengoko umakhulu wayengaphangeli ekhulisa bona.

“Ngamanye amaxesha esikolweni xa kunetheko kufuneka kukhutshwe imali ndandingayi kuba ndandingenayo. Nangetheko likaGrade12 (farewell) zange ndiye kuba ndandingenayo imali, nditsho neyempahla ezintsha,” uvale ngelo uMorake.

UMorake ebesenza izifundo zokuzoba nokuqingqa (Fine Art) kwikhampasi yaseMonti. Uzizobe ngokwakhe umfanekiso ethwele isidanga sakhe, nathi uwenzela umakhulu wakhe lo mfanekiso.

Uthi enye yeenjongo zokuza ephepheni kukunika ithemba kubanye abantwana abatsala nzima kodwa iminqweno benayo yokuphumelela.