EC Youth Awards: ‘Mntu omtsha uyafumaneka kuGoogle?’

AMAWONGA okuqhwabela izandla imisebenzi eyenziwa ngabantu abatsha eMpuma Koloni aza kubanjwa ngenyanga yeSilimela kulo nyaka, inyanga yolutsha, emva kokuphazanyiswa ngubhubhane weCovid-19 nyakenye.

Oku kubhengezwe nguBuhle Tonise, weEastern Cape Youth Awards, kwisidlo sakusasa nabeendaba eSouthernwood eMonti ngoLwesine. Amangenelo kula mawonga aqale ngokusesikweni ngoLwesine wale veki.

UBuhle Tonise weEastern Cape Youth Awards UMFANEKISO: WANDA DWENGA

UTonise uthi la mawonga ajolise ekubhiyozeleni umsebenzi owenziwa ngabantu abatsha kweli phondo. Uthi kubalulekile ukubhiyozela abantu abatsha apha ephondweni, bayeke ukubhiyozelwa kuphela kumaphondo angaphandle.

“Ukubhalwa ngebali lakho elihle ngabeendaba kwenza ifuthe nomahluko kuwe, kodwa ingaba bangaphi ekubhalwa ngabo okanye bangaphi abo baziwayo ukuba banamabali achukumisayo namahle,” kubuza uTonise.

“Kukho intetho ethandwa ngabantu abatsha ethi ‘Google Me’. EMpuma Koloni bambalwa abanokuthi ‘Ndikhangele kuGoogle’. Ngenxa yokuba zimbalwa izinto ezishicilelwa ngabo,” kutsho uTonise.

Amabakala okungenela alishumi elinesihlanu: ezeMfundo, ezeMpilo, ubuLungisa nezoMthetho, ubuGcisa (art), ezoYolo (entertainment), iNzululwazi nobuChwepheshe, ezoLimo, ezamaJelo eeNdaba noSasazo (media), ezoShishino (entrepreneur), ezoPolitiko noRhulumento, abasebenza noLuntu (civil society), uLawulo lweMisitho, ezeMidlalo kwakunye nowenza iFuthe kwezeNtlalo (social influencer).

Ethetha ngamanye wamabakala wala mawonga, uTonise uthe: “Siqonde ukuba masigxile kwezempilo kuba sifuna ukubonisa ukuba abasebenzi bethu bezempilo siyabaxhasa, noxa nje zikhona iingxaki kwisebe lezempilo. Siza kukhalaza xa iinkonzo zezempilo zingahambi kakuhle, kodwa oko akuthethi ukuba abekho abantu abenza umsebenzi omhle kwezempilo.”

“Xa sithetha ngenzululwazi nobuchwepheshe, ininzi into esafuna ukwenziwa eMpuma Koloni. Amaziko ethu emfundo enomsila akekho kwizinga eliphezulu xa sithetha ngenzululwazi. Ubuchwepheshe bunzulu abuphelelanga kwi-intanethi okanye uFacebook.

“Kwicandelo lezoshishino uye ufumanise ukuba abantu abatsha banciphile kushishino lwabucala, endaweni yoko baqhame ekushishineni okanye usebenzisaneni norhulumente. Kukho umahluko phakathi kosomashishini kwakunye nomntu oneshishini elibhalisiweyo. Ukubhalisa ishishini akuthethi ukuba ungusomashishini,” utshilo uTonise.

Nyakenye abaququzeleli bala mawonga bafumana amangenelo akwi-1 415, kodwa amawonga akaqhuba ngenxa yeCovid-19. UTonise uthi abo bebengenele kunyaka ophelileyo basekwilungelo nakulo nyaka ngezonkcukacha zanyakenye, ngaphandle kokuba umntu ufuna ukwenza utshintsho ngokwebakala.

Abantu abaselungelweni kula mawonga ngabo baphakathi kweshumi elinesibhozo namashumi amathathu anesihlanu. Umhla wokuvalwa kwexesha lokutyumba abo baselungelweni, ngowamashumi amabini anesithathu (23) kuTshazimpuzi (April) 2021. Thumela uxwebhu olugcwalise malunga nalowo umtyumbileyo ku nominations@ecyouthawards.co.za. Iinkcukacha ziyafumaneka ku www.ecyouthawards.co.za okanye ubuze umbuzo ku info@ecyouthawards.co.za