Emi nematha amaxhoba kaKumkani uDalindyebo

Iintsapho ezine zaseBumbane eMthatha ezaxhatshazwa yimikhosi kaKumkani uBuyelekhaya Dalindyebo zingamaxhoba kwakho emva kokuba zishiywe yinkampani ibisakha izindlu.

Emva kokuvalelwa kwale Kumkani ngezityholo zokutshiswa kwemfuyo, izindlu, namasimi wezi ntsapho kwavela iqela labantu elathembisa ukwakha izindlu zala maxhoba.

UMbuzeni Makhwenkwana watshiselwa umzi emva kokungavisisani neKumkani eyathi kamva yagwetywa iminyaka elishumi elinesibini ngesi siganeko.

“Sidane kakhulu, aba bantu badukile emva kokwakha izindlu ezimbini kusapho ngalunye, uronta nendlu enamagumbi amathathu, izindlu azigqitywanga, bagqibele ekuqaleni konyaka ophelileyo ukusebenza, beshiya abantu abebesebenza bengahlawulwanga,” ucacise watsho uMakhwenkwana.

UStokhwe Sonteya owatshiselwa amasimi neegusha ezingaphezu kwekhulu ubhubhe kunyaka ophelileyo elinde ukugqitywa kwendlu yesithembiso. Bethetha neli phephandaba abo bebesakha ezi zindlu kunyaka ophelileyo bathi benza oku ngenxa yokuvelana nezi ntsapho.

“Azinafestile izindlu, azipeyintwanga, ezinye azinamacango, sachithiswa izindlu zethu kusithwa kwenziwa uxolo, simi nematha ngoku asikwazi kuzigqibezelela,” ucacise watsho uMakhwenkwana.

UKota Wofa wabulawelwa unyana wakhe kwesi siganeko etyholwa ngokudlwengula yimikhosi kaKumkani uDalindyebo.

“Azigqitywanga izindlu, ngoku sisebenzisa imali yethu yenkam-nkam ukugqibezela ezi zindlu zishiywe ngaba bantu, asibafumani ezifonini,” uthethe watsho uKota.

Kutshanje, uNkosi uZwelenqaba Mtirara ukubeke kwacaca ukuba ukuxolelana nezi ntsapho yenye yezinto abajonge ukuyenza ukuze imeko ibuyele esiqhelweni.

“Aba bantu ngamaphakathi akomkhulu ngoko ke kumele ukuba sibe seluxolweni kunye nabo, silikomkhulu elithanda uxolo kumele ngoko ukuba kwenziwe uxolo,” uthethe watsho uMtirara.

Iqikelelwa kwikhulu elinesiqingatha samawaka eerandi imali esetyenziswe ukwakha ezi zindlu kula makhaya.

ULoyiso Mtirara ngomnye wabantu abebesebenzisana nezi ntsapho kwinkqubo yokwakhiwa kwezi zindlu, akafumanekanga kumnxeba wakhe ukuphendula ukuba kutheni zingagqitywanga izindlu.