EMzantsi Afrika kuse-Abanagama!

Kumazwe ngamazwe esele ndiwandwendwele apha kwizwekazi le-Afrika, kunambuzo uthanda ukubuzwa ngabemi baloo mazwe, ingakumbi xa kufikelela ithuba lokuba ndizazise ukuba ndiyinto kabani kwaye ndisuka kweliphi ilizwe.

Phofu lo mbuzo uye ubuzwe nangabemi bamazwe aphesheya kolwandle xa ndisidla nabo imbadu kucweyo nakwiinkomfa ezigxile kwimiba yolwimi; amasiko; inkolo nemveli yezizwe ngezizwe zase-Afrika.

Lo mbuzo ngulowo uhlabayo uthi, kungani na ukuba ilizwe lakowethu lingabi nagama lokwenene, igama elihambelana neelwimi, amasiko nemveli yabo bangabemi boMzantsi Afrika?

Intsusa yalo mbuzo isekubeni eli gama lisekelezelwe kwinkcazo ebhekiselele kwindawo le likuyo ilizwe eli, kuba ilizwe lakowethu likumazantsi eAfrika.

Oku kwalatha mhlophe ukuba asilogama lifanele iwonga lokuthiya ilizwe, kuba okwenziwa leli gama kukuchaza kuphela ukuba eli lizwe limi ndawoni na kwizwekazi le-Afrika. Singalikhupha litsole ke mawethu elokuba thina singabemi belizwe elingenagama, sise-Abanagama xa sithetha nje phandle.

Ikhwelo lokungabi nagama kwelizwe lethu likhe lahlatywa nayimvumi yeli lizwe eyayibalasele, ongasekhoyo ubawo uZim Ngqawana, wanga umoya wakho ungaphumla ngoxolo mfo kaNgqawana kwelo zwe lookhokho bethu!

Wanga umoya wakho ungazinga ezingqondweni zethu, usikhumbuze ukuba xa sisasebenzisa igama elathiywa ngamakoloniyali aseBhilitane mhla afika apha kowethu, waqhubekeka norhulumente wengcinezelo wamabhulu akatshintsha nto, suka wasebenzisa igama lolwimi lwawo isi-Afrikansi ngokuthi kuseSuid Afrika apha kowethu, oku kwalatha ukuba asikakhululeki, oku kubonisa mhlophe ukuba eli lizwe asikabi nabango kulo, eli lizwe asilolethu!

Ndibahloniphile abemi baseZimbabwe, kwelikaRobert Mugabe, kuba bona bathi mhla bakhululeka kumakhamandela okulawulwa yiBhilitane ngomhla we-18 kuTshazimpunzi ka-1980, balitshica igama ababenyanzelwe ngalo ngamakoloniyali, igama elithi Rhodesia, bazibiza ngelo lithi Zimbabwe.

Ndinihloniphile bemi baseZambia kwelikaKenneth Kaunda, kuba nina nathi mhla nawuwisa umbuso weBhilitane kwizwe lenu ngomhla wama-24 kweyeDwarha ngo-1964, nalichila igama lobukoloniyali elalisithi Northern Rhodesia, nazibiza ngeZambia.

Yayikhomba indlela iGhana kaKwame Nkrumah njengelizwe lokuqala ukukhululeka kulawulo lwamakoloniyali ngomhla wesithandathu kuMatshi ka-1957, mhla yalitshabalalisa igama lobukoloniyali elanyanzelwa kubemi belo zwe, gama elo lalisithi Gold Coast, kwafakwa uGhana endaweni yalo!

Sinqandwa yintoni na thina ukuba singabi nagama elinxamnye nobuAfrika bethu, kungenjalo kuthathwe kumagama amnandi kwenye yeelwimi zethu zesiNtu kuthiywe le Abanagamandini!

Benisazi kusini na mawethu ukuba kwalapha ecaleni kwethu, iLesotho yalikhabela kude igama lamakoloniyali elalisithi Basutoland, yagunyazisa uLesotho ochanekileyo nongagqwethekanga.

Kwalapha kufuphi nathi, iBechuanaland yamakoloniyali yakhatyelwa kude abeTswana bavuselela uBotswana wabo.

ITanzania yalahlela elatakisa * -United Republic of Tanganyika and Tanzania, yahlala apha kuTanzania. Hayi ke akukho lizwe lindivisa kamnandi nelindibeka enkcochoyini yentaba ukogqitha iBurkina Faso kaThomas Sankara.

Mhla iBurkina Faso yawadudulela elwandle ukuze aphindele kokwawo amakoloniyali aseFransi, yalichila tu kwaphela igama lobukoloniyali elithi France Upper Volta, yazibiza ngokuba yiBurkina Faso, gama elo lithetha ukuthi “Ilizwe labantu abangenakuze babe nokurhwaphiliza!”

Singabemi boMzantsi Afrika singafunda nto kumanye amazwe eAfrika, ingakumbi kwiBurkina Faso ethiywe ngeenjongo ezithile, nangomyalezo ojolise ekwakhiweni ngokutsha kwelo lizwe!

Ukuba senza njalo, ilizwe lethu lingatsho libe negama lalo elilifaneleyo, endaweni yale nkcazo yendawo elimi kuyo ilizwe lethu kwizwekazi le-Afrika, sitsho siyeke nokuba ngabase-Abanagama!

Ukusukela namhlanje, ngeli xesha lingekathiywa gama izwe lethu, mna andingowaseMzantsi Afrika, andingowaseSouth Africa, kwaye andingowaseSuid Afrika, koko ndakube ndisithi ndingowase-Azania!