Ezibuhlungu azipheli kwaKupelo

EZIBUHLUNGU azipheli, kodwa xa uthembele kuMdali sokuze uphele mandla. Oku kuthethwe nguSizwe Kupelo, isithethi kurhulumente wephondo laseMpuma Koloni emva kokuba kuphinde kwatsha ikhaya lakowabo kwakhona izolo.

Bekubuphuthuphuthu kwaKupelo eMkhankatho eLibode kucinywa amalangatya omlilo otshise indlu enkulu (uronta) yalo mzi, washiya umonakalo obalelwa kwiR80 000. Ukutsha kwale ndlu yamaKhonjwayo kushiye unxunguphalo kulo mzi wakwaKupelo.

Esi sihelegu somlilo kwaKupelo kubonakala ukuba sibetha sibuyelela okwezulu laseMthatha kuba ngeCawe bekutshe iintango, indlu emagumbi mane kwakunye nempahla kwesinye isiza salo mzi.

Kwakhona, ngoLwesibini kuphinde kwavuka umlilo kwaKupelo (kumzi obutshe ngeCawe) kodwa akukho monakalo uthe wadaleka.

Yintoni ke le ibangela lo mlilo? Ukuphendula, uKupelo uthe: “Asazi nathi, sisaxakiwe…kodwa ukuba lo mlilo udalwa yinto ethile, uThixo onguMdali wethu uzakuqubisana nalo nto.”

UKupelo uthi ukutsha kwendlu enkulu kwakunye neentango yinto engumnqa. Oku kungenxa yento yokuba ngokwesiNtu, indlu enkulu kwakunye nothango ziindawo ezinyulu ezo. “Nakanjani sizakudibana silikhaya, sibone ukuba yintoni esingayenza. Noko lo mba ufuna ukujongwa macala onke,” utshilo uKupelo.

Uthe noxa kunjalo, lo mba bazakuwuphosa emapoliseni aphande. Ukanti kumlilo wangeCawe, umonakalo othe wadaleka ubalelwa kwi-R160 000.