Ezobukhosi ngendlu kaXhosa

Liyinene elithi indaba yotyelo ayikholi, ndithethile noPrince Vela Noyi-Balfour umzukulwana kaNkosana uPhazima (makalale ngoxolo) ngamaGando kaGando kuCentane, ndithethile neKumkani ehleli kwisitulo sobuKumkani bamaXhosa kwiKomkhulu lamaGcaleka Aah!!!Zwelonke, ndithethile nomntwan’ omhle ohleli kwisitulo sabaThembu baseRhode Aah!!! Dalimvula, ndithethile nalo iKomkhulu lamaRharhabe, Noloyiso Aah!!! Ndithethile neNkosi yabaThembu baseRhode uNgangomhlaba, Aah!!! Ngangomhlaba, ndingamlibali umntwan’egazi iMboni yeeMboni zakwaXhosa uGcaleka omkhulu kaMbhambatho, (makalale ngoxolo), umntwan’egazi uPrince Z. Burns-Ncamashe, amabandla kaNtuli, kaNtaba kaMkhomb’ ubhembesile, inkonde yakwaMxoli uTshatshu, nezinye izizwe endikhe ndahlangana nazo, sonke silusapho lukaKumkani uNgcwangu kaTshawe.

Njengoko kwiimbalelwano ezidlulileyo bendisoloko ndigxila kakhulu kwindlu kaKumkani uNgcwangu noKumkani uThembu unyana wakhe, ngoku ndiza kukhe ndingene kule ndlu kaNkosi uSikhomo wamaRhudulu, uyise kaNkosi uTshangisa okule ndlu kaKumkani uTshawe.

Iimbali ngaye zahlukahlukene, kukho ethi uKumkani uTshawe wathiya unyana wakhe ngoNkosi uSikhomo wamaRhudulu kuba unyana wakhe uTshangisa wamncedisa, enye imbali iwucacisa kakuhle oyena nobangela nenyaniso ekhokelele ukuba kuthiwe ngunyana wakhe, hayi ngokuzalwa njengoko besisazi.

Ngokwembali engoNkosi uDavid Stuurman, ongumlibo kaMatoti kaMfebe, kaPulu, kaDladla, kaMachaphaza, kaTshangisa, kaSnuku, kaSikhomo, kaRhudulu, kaNdunu, kaMpondomise, kaSibiside – ihambisa yenjenje: “During the time of Tshangisa we would recall his involvement, where upon Tshawe had a feud with Cirha his elder brother. Tshawe’s mother having been a sister to Skhomo who is the father to Tshangisa, and Regent of the Mpondomise Nation. Tshangisa was assigned by his father after Tshawe’s father Nkosiyamntu passed on. Cirha claiming to be an heir to Nkosiyamntu fought with Tshawe whom later in his defeat he flea to his uncles in the Mpondomise Nation under the Rhudulu clan. Tshawe was then assisted by his cousin Tshangisa to defeat Cirha. In fear of Cirha that he may return upon being defeated by the Rhudulus of the Mpondomise nation, Tshawe offered a land in the Xhosa land, whom amongst the Eastern Cape landscape was named after Tshangisa’s son Nxuba (Phesheya kweNxuba) bordering from Fish River to Tsitsikama and some Gamtoos River boundaries”.

Loo nto icacisa yaye ingqina kakuhle okokuba uNkosi uSikhomo akanguye unyana kaKumkani uNgcwangu. UKumkani uTshawe ngumtshana kaNkosi uSikhomo ngomama wakhe ongudade boNkosi uSikhomo owayelibambela kubuKhosi bendlu yamaMpondomise. Masivume sithi le nto inene ngumsonto onyikinyiki.

Uthe akukhothama uNkosi uNkosiyamntu, uNkosi uSikhomo, wenza into engeyiyo yokumisa unyana wakhe uTshangisa endaweni kaNkosi uCirha oyinkulu kaNkosi uNkosiyamntu, neqhalo liyatsho ukuthi akukho nkwali iphandela enye, ephandela enye yenethole.

Ukuba siva kakuhle uNkosi uSikhomo nguntangandini kuNkosi uNkosiyamntu. Umbuzo uthi uphi uKumkani uNgcwangu ngelo xesha, lo kuthiwa uzala uNkosi uSikhomo kwindlu enkulu, buphi ubulungisa nenyaniso kulo nto?

Enye into, izindlu zobukhosi zange ziyilungise iminyaka namaxesha olawulo lweKumkani neeNkosi ngokungqamene neminyaka eyiyo yolawulo lwazo, ababhali bonela kukusebenzisa intekelelo abayinikwa ngabeLungu esukela kuTogu kaNgconde kweli cala lendlu kaXhosa ngoku.

UKumkani uTshawe uzelwe ngeminyaka yoo1500, woluka ngo1610, uNyana wakhe uKumkani uNgcwangu woluka ngo1635, uNkosi Sikhomo yena woluka ngo1650, uKumkani uNgcwangu wakhothama ngo1680, eshiya unyana wakhe uKumkani uThembu ozelwe ngo1638.

Icacisa kakuhle okokuba le ndlu kaNkosi uTshangisa ongunyana kaNkosi uSikhomo zange ibuyele kokwayo emaMpondomiseni koko yanikwa umhlaba nguKumkani uTshawe ngesisa njengombulelo, bangamaXhosa kaTshawe, ivele apho ke imbali ethi uSikhomo ngunyana kaTshawe.

Mawethu liyinene elithi kungafa intak’endala amaqanda ayabola, kuba indlu kaKumkani uNgcwangu ibe sisisele sombinza, xa kunamhlanje iliwa libheke umoya kwisizukulwana sakhe esishiyekileyo.

Imbali yamaTshawe yabonwa kwantlandlolo ziimboni neembongi zalo mhlaba nababhali beencwadi batsho besithi, Zemnk’ iinkomo magwalandini.

Ukuphisa ngomhlaba noBukhosi nokwendiselana yeyona nto ibalulekileyo kakhulu kwaXhosa kuba yakha ubuhlobo obungasoze buphele kwaye isaqhubeka nanamhlanje, iyakhwankqisa le yokubona abantu bethengiselana ngomhlaba ezilalini, mhlaba lowo ungengowabo nabo, ayingomkhwa usesikweni likaXhosa lowo kuba bubusela norhwaphilizo.

ZiiNkosi, ziziBonda neeBhodi ezisika amanxiwa ngesigqibo senkundla ebandakanya wonke umntu welali, kodwa nazo azinalungelo lokuwuthengisa zibanika ngesisa.

Kwincwadi ethi iTyala Lamawele ngokubhalwe nguSEK Mqhayi uCeduma, uBhomoyi, uNxeko owakhulela kuloHala, amaHala kaNdlambe, xa imbongi ityatyadula ibonga umntwana omhle uZanzolo kaKhawuta, ibakhumbuza ababe phila ngaloo maxesha xa eza kugweba ityala lamawele awayebangisana ngobukhulu, igxininisa kwiiKumkani ukuyokuvalelisa ngoKumkani uNgcwangu kuba kaloku igazi nenimba azithunywa mntu koko yindalo evela kuMvelingqangi.

Njengokuba silibona ilizwe lookhokho bethu namhlanje ukuba libhokoxekile okwethu kukuqwalasela kwimithetho yemithetho ukuba undonakele uphi na, silungise kuloo ndawo.

Thina ndlu kaNoyo kaBebi, kaJantyi, kaThembu, kaNgcwangu, kaTshawe, kaNkosiyamntu, kaMalangana, kaXhosa nabanye abangabalwanga sithi ngxee kulo ndawo, intando yamanyange ethu mayenzeke. Makube Chosi kube Hele. Camagu!