Fika uphila, qhuba ngenkathalo

Kungekudala amaziko eendaba aza kuqalisa ukupapasha amanani alisikizi okuphalala kwegazi ezindleleni okubangelwa zingozi zendlela.

Amagosa karhulumente kubandakanya abaphathiswa bezothutho kumaphondo onke, balala obungehliyo besasaza umyalezo wokhuseleko ezindleleni kodwa oko kuza neziphumo ezingephi.

Kumbindi wedolophu eNgcobo izolo, uMphathiswa wezoThutho eMpuma Koloni uWeziwe Tikana-Gxothiwe uphehlelele iphulo lokuqinisa ukhuseleko ezindleleni. Umyalezo wakhe ubulula kakhulu: ‘Fika Uphila’.

Ethetha apho, uvakalise uvuyo ngokusinda kwabakhweli abangama35 ebebegaxeleke kwingozi yebhasi kude kufuphi eMaclear. Le bhasi ibithwele abemi belali iTsitsana besingise edolophini eMount Fletcher. Kuvakala ukuba umqhubi uphulukene nolawulo lwevili yaza ibhasi yaya kuntlitheka kudonga lwendlela. Bambi bafumane unyango ngoko nangoko baze abanye babalekiselwa kwizibhedlele ezikufuphi.

Asingekugxininisi ukuba uninzi lwengozi lubangwa ngabaqhubi abadiniweyo abanye beqhuba bephantsi kwempembelelo zotywala. Amagosa endlela aza kuthi qwa ejonge ezo zaphuselana kwaye nabani obanjiweyo ngeli thuba makalindele ukukhahlela uMantyi kunyaka ozayo – lo nto ithetha ukuba ngethuba abantu besonwabele iziyunguma, loo mqhubi uya kube endyondya eziseleni.

Omnye umthelela kwiingozi zendlela yimpahla eyabula ecaleni koohola bendlela. Isebe lezoThutho ePhondweni lenze unakonako wokubiya indlela ephakathi kweQonce neMonti, kwaye nezinye iindlela ezinengxaki efanayo zinikwa ingqwalasela efanayo.

Abafundi beli phephandaba basixelele ngeengxaki abagaxelana nazo phakathi kweDutywa neGcuwa apho impahla iyabula ngokungathi inemvume.

Ukanti neenqwelomafutha ezingekho ndleleni ziza kuthi zithathwe kubaqhubi bazo. Intlungu yeyokuba ezinye zezi moto zithutha abantu zibabeka emngciphekweni omkhulu.

UMphathiswa wezoThutho uFikile ‘Mr Fixit’ Mbalula unamazwi arhabaxa ngakwabo bophula umthetho wendlela. Ukuba amazwi akhe ngawokukholeleka, ngekuba ndiboleka intetha yoorhunta ndithi ‘slyza mqhubi’ kwabo banxaxhayo.

Kunyaka ophelileyo kutshabe abantu abangama767 kwiingozi zendlela. Siyathemba sikwathandazela ukuba eli nani lehle.