Halala Mamelodi Sundowns!

Ngokuhlwa kwangoLwesithathu iqela likaPitso Mosimane libeziintshatsheli ze-Absa Premiership. UMosimane wenze imbali ngokuba ngumqeqeshi wokuqala omnyama ukuphumelela indebe yePSL izihlandlo ezibini. ISundowns liqela elihamba phambili ngokuba nabadlali abanamagama amakhulu naziwayo kweli loMzantsi Afrika, kwaye loo nto imsebenzele kakhulu uMosimane.

Kwisizini ephelileyo khange aqhube kakuhle, kwaye abalandeli bebengenalo ithemba lokuba angaguqula izinto. Kule isizini ukwazile ukubabonisa ngolunye uhlobo abagxeki bakhe. UPitso uqhube kakuhle kakhulu kule sizini, kuba yindebe yakhe yesibini le, emva kokuphumelela iTelkom Knockout kweyeNkanga. Impumelelo yeSundowns yenza uPitso abengumqeqeshi wesihlanu ukuphumelela i-PSL amatyeli amabini nangaphezulu. UMphathiswa wesebe lezemidlalo nolonwabo, uFikile Mbalula ubonakala ngathi uqhubela phambili kwiphulo lakhe lokuza neenguqu kwezemidlalo.

NgoLwesithathu ebephehlelela ngokusesikweni, inkqubo yokukhuliswa kwezemidlalo ezilalini iRural Sport Development Programme, eMthatha kwiYunivesithi yaseWalter Sisulu. UMbalula uthi le nkqubo izakuqhubela ezemidlalo kwiindawo ezisemaphandleni phambili, izakunika abadlali bebhola yomyazi, intenetya kunye neqakamba ithuba lokuba bakhule. “Inguqu yinto efuna ukuqalwa ezantsi. Le nto ithetha ukuba kufuneka sifake imali ekukhuliseni italente ezilokishini kunye nasezilalini. Ngokwenza ngolu hlobo sikhulisa umsebenzi osele usenziwa ezilalini kuba sele beqalile ukuthatha inxaxheba kwezemidlalo,” utshilo uMbalula.

Le nkqubo izakongeza kwinkqubo esele iqhuba yezemidlalo ezikolweni, kwaye iza- kuhanjiswa kumaphondo afana neMpuma Koloni, Limpopo, KwaZulu Natal, Mpumalanga kunye neNorthern Cape. Eli phulo likaMbalula lilandela emva kokuba ethathe isigqibo sokwehlutha amalungelo emibutho elawula ezemidlalo kweli ngenxa yokuba esithi ifedile ukuhlangabezana neemfuno zeenguqu kwezemidlalo.