‘Hlonipha uyihlo nonyoko’

Amaxhego namaxhegokazi kwiholo laseMdantsane loluntu eNU 10 IMIFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Izibhalo eZingcwele zithi “hlonipha uyihlo nonyoko, ukuze yolulwe imihla yakho” kodwa eMdantsane akunjalo nanjengoko amaxhegwazana namaxhego ale ndawo esithi ngawo ahlonipha abantwana nabazukulwana babo.

Abantu abadala kule ndawo bakhe badibana kutshanje beqaphela usuku lwabantu abadala, apho bathe baphalaza imbilini yokuphatheka kakubi kwabo ezandleni zabazukulwana ebekufanele ukuba bayabakhusela. Bathi ngenxa yokuphila impilo yoloyiko nokungcungcutheka, baphela sele bebabusa abazukulwana, kunzima nokubanqanda ekwenzeni izinto ezingezizo.

Umakhulu uZodwa Toto (74) ongunobhala weBuffalo City Older Persons Forum, uthi akusafani nexesha lakudala apho babephila kamnandi kuhlonitshwana. Uthi ngoku sele ilelinye nje ixesha eloyikisayo. “Kudala zazingekho iziyobisi ezenza ukuba abazukulwana bethu basijikele, kwakuphilwa kamnandi, kungekho mntu omosha omnye. Yhini na kungaphindi kubuyele elo xesha.”

UToto uthi le meko yokutshintsha kwamaxesha nokusetyenziswa kweziyobisi ibangela ukuba ibengabantu abadala abahlonipha ulutsha. Uthi abazukulwana banamhlanje batya imali yabantu abadala ngokungenalusini. “Ufumaniseke ukuba umakhulu uhlala nabazukulwana asoloko ethuma bona ukuba bayokumbhatalela kwiipolisi kanti ngalo lonke elo xesha ayisiwa loo mali, iyatyiwa. Kwenze oko kube nzima ukuba umntu omdala angcwabeke ngoku ebezazi ebhatala inyanga nenyanga,” utshilo uToto.

UToto uthi ngeendibano ezifana nale bebeyibambe kwa-NU 10, bazama ukufundisa abantu abadala ngeendlela zokonga nokugcina imali. “Enye yezinto esiye sikhuthazane ngazo eziphambili kukuba mabohlukane nokuboleka imali nokuzidibanisa noomatshonisa,” utshilo uToto. Yena utatomkhulu uPetty Mazongolo (70) obephuma kwikhaya labantu abadala iMasonwabe eseNdevana, eQonce, uthi bayazama nabo ukuba zicutheke iziganeko zokudlwengulwa kwamaxhegwazana kwiindawo zabo zokuhlala.

“Xa ungumntu omdala uhlala wedwa, ngorhatya chwechwa uyokulala ebumelwaneni uncame umzi wakho. Okanye xa kunzima uyokulala ebumelwaneni cela umntu othembekileyo akulalise kwenzele ungazukuba sisisulu sokuxhatshazwa,” utshilo uMazongolo.

UMasipala iBCM neSebe leNtlalo yoLuntu bebeyinxalenye nalo msitho wokubhiyoza kwabantu abadala.