Holomisa: Abanye babesithi siziziyatha

UMONGAMELI weUDM uBantu Holomisa uthi iUDM ayiyi ndawo, iseza kuma gomololo kule minyaka ingamashumi amabini ezayo nangaphaya.

Kutshanje, lo mbutho ubhiyozele iminyaka engamashumi amabini ukusukela oko wasekwayo ngonyaka ka1997. Le mibhiyozo iqhutyelwe eGallagher Estate eMidrand.

UHolomisa uxelele amalungu alo mbutho ukuba ukukhula kweUDM kukwancede nelizwe liphela.

“Abanye babesithi siziziyatha ngethuba siseka iUDM. Abanye, bengqina amazwi kaMongameli [Jacob] Zuma, bandixelela ukuba ubomi ngaphandle kweANC buyabanda. Kodwa umguqulelwa kukuba akushushwanga ngaphakathi kwiANC.

“Abantu akufanelanga bayilibale eyokuba nangona nje sabaliqela lokuqala ukusekwa emva kwedemokhrasi, akhona amanye amaqela athe asekwa emva kwethu afana ne-Independent Democrats eginywe yiDA, iCOPE ekunzima kuyo kwane-AgangSA. Asizigwagwisi, kodwa sile liqela siye sabubonakalisa ubungwanzilili bethu,” utshilo uHolomisa.

UHolomisa uthi iUDM izilungisela ukuya kunyulo luka2019 kwaye iyaqhuba neengxoxo zorhulumente wenkazathi. “Unyaka ka2019 izakuba ngunyaka onzima, akukho mathandabuzo ngalo nto. Kodwa ke kufuneka sazi ukuba urhulumente wenkazathi asiyo nto ilula, ufuna kunyamezelwane futhi sikwazi ukuthobela iimpazamo zalowo ukurhulumente wenkazathi,” kutsho uHolomisa.

Phakathi kwezinto efuna ukuziqaqambisa iUDM ziquka: Ukukhusela uMgaqo-Siseko nokuthobela umthetho, ukukhuthaza ubulali kwaneentsika ezibangela ukuba sibumbane kwanokuvumela uluntu kuphuhliso lelizwe.