I-SADTU ithi makuthotywe amaxhala malunga nayo

IMEMELELE kuluntu lweli ukuba lithobe amaxhala imanyano yootitshala iSADTU eMpuma Koloni.

Le manyano ibizibandakanye nendibano yesebe lezemfundo ebikrwecwe yinkampani yakwa-Old Mutual nebidibanisa isebe lezemfundo, abezoshishino, uluntu nemibutho yasekuhlaleni.

UChris Mdingi ongomnye wabalawuli bale manyano kweli phondo usebenzise eli thuba ngelithi iingxelo ezigxeka le manyano zingadala inkxalabo kwabo bazimisele ukutyala imali kwezemfundo kweli.

Le manyano isabhula isela emva kokuba uphando lwegqiza ebelityunjwe ngumphathiswa wemfundo esisiseko kweli uAngie Motshekga liyifumene inesandla kwibholo lokuthengiswa kwemisebenzi yootitshala.

Noxa kunjalo iSADTU iyazikhaba ezi ngxelo, ngelithi iziphumo zolu phando lityabeka abantu abathile hayi imanyano.

OkaMdingi uthe, “ISADTU ithathwa njengengxaki kwezemfundo kweli. Sithi akunjalo, siyiSADTU sixhasa onke amaphulo okuphucula imfundo nekamva lomntwana wendlu entsundu kweli leAfrika.”

Kwakule ndibano uAndile Nontso we-Eastern Cape Chamber of Business ukhuthaze ukufundiswa ngolwini lwenkobe.

Uthe, “Entshona Koloni i74 yeepesente yabafundi ifundiswa ngolwini lwenkobe, ngu26 pesente ofunda ngolwimi anaglisebenzisiyo ekhaya, lo nto iyacaca nakwiziphumo zemfundo kwela phondo.”

Ukwathe oosomashishini abakhasayo bayayixhasa imfundo kweli phondo, kodwa banodano kuba eli sebe linika iithenda kwiinkampani eziphuma ngaphandle kweli phondo.