Ibanjiwe indoda encanca abantwana amabele!

Inkokheli yasekuhlaleni uSimphiwe Nxusani ebonisa ityotyombe ebelihlala indoda etyholwa ngokuncanca amabele abantwana kunye nokubayalela ukuba badlale ngelungu layo lobudoda eKhayelitsha Umfanekiso: Buziwe Nocuze.

Basothukile abahlali baseKhayelitsha kooBM kulandela ukubanjwa kwendoda etyholwa ngokuyalela abantwana ukuba badlale ngelungu layo lobudoda ze emva koko ibancance amabele.

USimphiwe Nxusani noyinkokheli yasekuhlaleni, uxelele I’solezwe ukuba eli nyala balive ngabantwana emva kokuba umtyholwa ezame ukutsala omnye wabantwana ngeenjongo zokuzama ukumdlwengula.

“Sothuke kakhulu kuba kaloku le ndoda indala kwaye zange sacingela ukuba ingenza umkhuba ombi kangaka,” utshilo uNxusani.

Emva kokuba bezivile ezi zityholo bathi baye bayibuza kwaye khange ikhanyele.

“Le nto ayenzileyo kukusa okuphindaphindeneyo kwaye kwazi bani ukuba abekho abantwana awabadlwengulayo.”

Lo kaNxusani ukwathe abahlali bebenomsindo kodwa njengenkokheli baye bakwazi ukubacela ukuba angabethwa kwaye angabulawa kodwa kufuneka ephendulile kwaye echazile ukuba lo mkhuba uwuqale nini na kwaye bangaphi abantwana ebesenza le nto kubo.

Uqhube wathi le ndoda neneminyaka engamashumi amahlanu anesibini ubudala baye bayithatha bayisa emapoliseni nalapho ifike yavalelwa khona.

UPortia Xhego noneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu ubudala nongomnye wabazali babantwana, uthe basothukile kwaye abafuni kuphinda bayibone ekuhlaleni le ndoda.

“Lo sathana kuthiwa ebebiza abantwana bethu akugqiba abayalele ukuba badlalise ilungu lakhe langasese akugqiba abanike imali,” utshilo uXhego.

Uqhube wathi abantwana babo bebengadlali kude nezindlu kodwa kunjalo eli xhego beliye libabizele emkhukhwini walo apho lifika libayalele ukuba badlalise ilungu lalo de liqine.

“Ngamanyala odwa la kwaye eli xhego alifanelanga ukuhlala phakathi kwabantu ingakumbi abantwana, sifuna lihlale ejele kuba liyingozi,” utshilo uXhego.

UThandeka Zwakala nongumakhulu womnye wabantwana uthe umtyholwa ebenayo into encwasayo ebantwini abadala, nathe yeyona nto ibilungile kunale ayenzileyo.

“Ukuncwasa oku ebenako ebantwini abadala bekulungile, kodwa le yokuyalela abantwana ukuba bamdlalise ilungu lobudoda de liqine kukusa okudibene nokuthakatha,” utshilo uZwakala.

Watsho esithi umtyholwa lo ubethi akugqiba ukwenza umkhuba abantwana abanike imali engangeR50 ukuba bohlulelane ngayo.

“Xa besitsho aba bantwana bebesiya bengaphezulu kwesihlanu, bonke ke baphathaphathe loo ncanca yakhe de ibe iyaqina,” utshilo uZwakala.

Aba bazali bathe badane kakhulu ngesenzo sale ndoda kuba ibizenza umntu othanda ukudlalisa abantwana kanti iyayazi apho ibhalele khona.

“Xa beyibalisa abantwana sihanjelwa yimizimba kuba bade batsho ukuba baye bayidlalise ityokololo ze lo tata abaxelele ukuba bangayiyeki ingaqinanga,” batshilo abazali.

Bekwavakalisa ukuba ngamanye amaxesha abantwana bathe bebeyidlalisa de ibe ngathi iphuma ubisi, kulapho aye abancance khona amabele ke.

“Sisazama ukuphanda kakuhle ukuba abekho na abantwana ethe yabadlwengula le ndoda kuba asiyazi ukuba inexesha elingakanani isenza lo mkhuba,” batshilo abazali.

USergeant Noloyiso Rwexana nosisithethi samapolisa aseKapa, ungqinile ukubanjwa kwale ndoda, watsho esithi ijongene netyala leSexual Assault kwaye iza kuvela kwinkundla yamatyala eKhayelitsha.