Ibhasari kobephelelwe lithemba lokufunda

UMFUNDI wonyaka wesibini owenza izifundo zobunjineli kwezombane eNelson Mandela University – notshatyelwe ngunina kwiinyanga ezimbini ezidlulileyo – uthi ibhasari ayifumene kumasipala waseBuffalo City ize xa kanye ebeyifuna ngenene.

U-Anathi Poni (21) wakwa-N.U. 2 eMdantsane uthi ebengaqondi ukuba uzakubuyela eNMU kulo nyaka emva kokutshatyelwa ngumama wakhe kwinyanga yoMnga. Uthi ibingumama wakhe obemnika inkxaso yemali ngethuba eqala ukwenza izifundo zakhe eNMU nyakenye.

“Ngumama obendixhasa ngemali yokubhalisa, eyokutya kwaneyendawo yokuhlala kunyaka ophelileyo kuba utata ebengaphangeli. Uthe xa esweleka umama, aphela amathemba kum.

“Ndiyayibulela kakhulu le bhasari kumasipala waseBCM kuba yenze ndazithemba ukuba ngenene ndiza kufunda kulo nyaka,” utshilo uPoni.

Utata kaPoni usandula ukufumana umsebenzi wokugcwalisa amafutha kwizithuthi (petrol attendant) eCambridge.

Kwiveki ephelileyo, uKonke ebeyinxalenye nabafundi abakumashumi amane anesithandathu abanikwe iimbalelwano zesiqinisekiso sebhasari nguSodolophu waseBCM uXola Pakati. Lo msitho ububanjelwe kwiholo yesixeko saseMonti.

Ethetha nababafundi, uPakati uthi ukunika imfundo ulutsha kufana nokukhulisa isizwe. “Olu lutyalo-mali lwethu esizweni,” utshilo uPakati.

Kodwa uPakati uvakalise ukungaxoli kukuqashwa ngokwesigxina kwabantu ababini kuphela abaxhaswe ngebhasari ngumasipala ukusukela oko yaqala le nkquleqhu ngo2008.

Ukuqubisana noku, ngokokutsho kukaPakati, kukuba umasipala ayile umgaqo-nkqubo onokubangela ukuba baqesheke lula abo baxhaswe ngebhasari sesi sixeko.

Kusenjalo uLumko Qaga (21), owenza unyaka wesithathu kwi-BCom (Accounting) kwiYunivesithi yaseGoli (UJ), uthi ukufumana le bhasari kuthetha ukuxibilika komthwalo emagxeni kumama wakhe.

“Ndikhuliswa ngumama wam, ezisokolela nanjengoko engenamsebenzi usisigxina. Ukuze ndingene e-UJ, kwanyanzeleka ukuba ndisebenzise imali nezipho endandizisokwe ndilikrwala kuba kusokolwa ekhaya.

“Imali endandiyisokiwe ndayisebenzisa ukuba ndihlawule imali yokubhalisa e-UJ,” utshilo uQaga.

Umasipala uthi yimali ebalelwa kwisigidi esinamakhulu amabini eerandi (R1.2 million) ebekelwe bucala ukuhlawulela ababafundi kulo nyaka.