Ibiluyolo lodwa kwiilwandle zephondo

Ingqatsini yelanga, ebitshisa kwimimandla emininzi kweli phondo, iqhubele ihlokondiba labathandi bolonwabo elwandle bayokuqubha ngelokubhiyozela inyibidyala.

Ukuza kuthi ga ngoku akukhange kubekho zixholo-xholo zixhomisa mehlo ezithe zabikwa kwiilwandle zephondo, ngaphandle nje kwabantu abambalwa abathe barhaxwa.

Amapolisa ephondo ebethe bhazalala kwiilwandle zeli egade ucwangco nantoni na enokuthi yehle nanjengoko bekungavunyelwa ukuba kuthiwe qhiwu utywala kwanezikhali esidlangalaleni.

Inqwelo-ntaka yamapolisa ibindanda kwiilwandle zaseBhayi naseMonti, incedisana negquba lamapolisa ebegade into engekehli kwiilwandle ezifana nezo ziziintandane eluntwini.

Ezi lwandle yi-Eastern Beach eMonti, iKings Beach eBhayi, iSecond Beach eSajonisi, iQholorha kuCentane, iQhorha kuGatyana iCoffee Bay eMqanduli, ukubala nje ezimbalwa. Othethela amapolisa kummandla waseBhayi, uKapteni Sandra Janse Van Rensburg ungqinile ukuba akukhange kubekho zixholoxholo zixhomisileyo eBhayi.

“Ubemnye kuphela umntwana othe warhaxwa ngethuba edada ngosuku lweNyibidyala eKings Beach. Yena ke yinkwenkwe eneshumi elinesine, kwaye uye waleqiselwa esibhedlele,” utshilo uVan Rensburg.

Lo gama kwiilwandle zasePort Alfred kubhubhe wamnye umntu, inkwenkwe eneshumi elinesixhenxe ubudala, emveni kokurhaxwa eWest Beah.

Sithetha nje amapolisa ala mmandla avule iqwakuqwaku kwaye umzimba wexhoba usephantsi kogcino lwamapolisa.

Amapolisa ayabongoza ukuba nabani na onokuba nolwazi malunga nosapho lwexhoba eze ngaphambili kumapolisa aseRhini.

Ukanti emveni kwentsimbi yesihlanu kwangomhla wokuqala abezohlangulo kulwandle lwaseJeffreys Bay baye basindisa indoda enamashumi amathathu anesibhozo yaseTinarha emveni kokusokoliswa kukuphefumla xa ibirhaxwa. Le ndoda ikwimeko ezinzileyo esibhedlele.