Ibingumyolelo wakhe ongcwatywe neMercedes Benz

USibondaa waseJozana eSteke ngethuba engcwatywa yilali ngokohlobo lomyolelo wakhe wokuba azqngafakwa ebhokisini njengesiqhelo aze afakwe emotweni yakhe kanokutshoimifanekiso: Ithunyelwe

Nangona nje uluntu lweli loMzantsi Afrika lushiyeke lubambe ongezantsi sisehlo sokungcwatywa koSibonda welali yaseJozana eSterkspriut ngeMercedes Benz yakhe.

Lona usapho kwakunye nelali akukho nto ibothusileyo kuba lo ibingumyolelo owashiywa yile ndoda kwiveki ezimbini phambi kokuba ibhubhe.

UTshekede Buffon Pitso,75, ngokukutsho kwentombi yakhe uSesora Pitso, le yinto ebeyithetha okokoko eyokuba azangcwatywe ngemoto yakhe yena.

USesora uncokole nephephandaba I’Solezwe esithi: “Yintoni ezosethusa sisi kuba yinto utatawethu ekudala eyishumayela le. Utata ebenguSibonda apha elalini ebeye anikwe iqonga lokuba athethe kwizifihlo ezilapha elalini ngoku ebeyithetha ukuba azangcwatywe njani. Asothukanga kwaye nelali ibiyazi kuba ibiyinto angayifihliyo,” usthilo uSesora.

Uthi utatawabo ibingumntu othethayo, umntu wabantu kwaye belimanyelwa ilizwi lakhe.

USesora uthi kumarhe okuba uzakugrunjwa utata wabo kuba akwamkelekanga ukungcwatywa olwahlobo oko akuzukwenzeka kuba ibingumyolelo wakhe kwaye awujikwa umyolelo womntu.

“Akuzugrunjwa kaloku silandela umyolelo wakhe.” utshilo uSesora.

Ukwathe isebe lezendalo liyazi kuba balibikele ngalomyolelo.

Utat’ Pitso akasenankosikazi kuba yona yabhubha ngo 2010. Usapho luthi limngcwabe ngemoto yakhe utata phambi kwentsimbi yesithandathu ekuseni kodwa abantu babesele begcwele befuna ukuzibonela.

Umzi wabangcwabi obugcine lo tata iPhomolong Funeral Parlour uthi kule minyaka ingamashumi amathathu ananye wasekwayo zange wangcwaba olu uhlobo.

UThabiso Mantutle wasePhomolong FP uthi bebengenayo enye indlela yokuba baphikise umyolelo onje.

“Senze ngokohlobo ilungu elalithe makwenziwe ngalo xa lingcwatywa. Lilungu lethu ebelibhatala kakuhle futhi kwaye ukujika imiyalelo ayikokwethu.Nangona nje ekuqaleni xa usapho belufika lusichazela emakwenizwe soothuka kodwa ke sabona ukuba masihloniphe isicelo sakhe. Siqale kwisebe lezendalo siyilandele yonke imiqathango kuba umhlaba ayingowethu singasuke sizenzele ngenene kwavunyelwana. Ukugrumba sathabatha imini yonke sigruma ngeTLB sasingenokwazi ngemihlakulo nje ngesiqhelo bekufuneka ubemde umngxunya kwaye ubemkhulu ukuze imoto ingene yonele.”utshilo uMantutle.

UPitso ufihlwe ngempela veki le sisuka kuyo.