Ibulele ngenkomo emva kokuphumelela iWadi iANC

Abahlali baseNdlovini kwaWadi 7 ePort Alfred kwimibhiyozo eququzelelwe yiANC kule Wadi, ngelibulela abahlali ngenkxaso kunyulo. Umfanekiso: Buziwe Nocuze

IXHELE inkomo ngelibhiyozela inkxaso yoluntu
kunyulo loorhulumente basemakhaya iANC kwaWadi 7 ePort Alfred. Oku kulandela
emva kokuba lo mbutho uthe wayigcina le Wadi, ekwindawo yaseNdlovini kumasipala
iDlambe.

UMbuyiseli Yali onguceba kule Wadi uthe abo bathe
baxhasa impumelelo yeANC babaluleke kakhulu kubo, kungoko lo mbutho uqinisekisa
ukuba wenza lo mbulelo. Uqhube wathi,”Yindlela esithi enkosi ngayo le emva
kokuba bephinde bavotela lombutho kunyulo esisuka kulo”.

Ukwathe elinyathelo kukubonakalisa ukuba iANC
ngumbutho okhathalayo nasemva kokuba abantu bevotile. Wenze umbulelo ongazenzisiyo
kuluntu, elincoma ngokunyaniseka embuthweni, nangenkxaso ethe gqolo.

UNomakhaya Nkontso ongumhlali wale Wadi uthe
bebehleli beyazi into yokuba lo mbutho uzakubaxhelela inkomo, nangona uthathe
ixesha elide kweli tyeli. “Besele sincamile kuba bahlale ixesha elide
kweli tyeli,” utshilo uNkontso.

UNonkumbuzo Mabu obeyinxalenye yale mibhiyozo uthe,
kudala belulindele olusuku nangona lufike kade.
 “Qho sivota siyayazi ukuba sizakutya inkomo, nanngona
sibaninzi kwinkomo enye kodwa sonke siyayifumana inyama.” Ukwathe bebese
becinga ukuba izinto zitshintshile kulo nyaka, akukho nkomo bazakuyifumana. Watsho
esithi bengebahlali bayabulela kwaye bayathemba ukuba izithembiso ozenzileyo
lombutho uzakuzifezekisa.