Uchazwe njengomqobo kuphando loMkhuseli Woluntu uZuma

UMkhuseli Woluntu uThuli Madonsela Umfanekiso: IOL

UMKHUSELI Woluntu uThuli
Madonsela utyhole umongameli weli uJacob Zuma ngokungazigcini izithembiso
kwimiba engophando oluqhutywa yi-ofisi yoMkhuseli Woluntu.

UMadonsela ujonge
ukuqukumbela uphando ngezityholo ezingokuthinjwa kolawulo lukarhulumente
ngabantu abaneemfuno zabucala phambi kokuba abeke phantsi ekupheleni kwale veki.

UZuma ujongene
nezityholo zokuthatha imiyalelo yolawulo kusapho lakwaGupta elingekho burhulumenteni,
nokuqesha abo bafunwa lolu sapho kwizikhundla zaseburhulumenteni ezithile, eziqhuka
abaphathiswa bamasebe, amalungu noosihlalo beebhodi zamaqumrhu karhulumente, kwakunye
nabalawuli bamasebe karhulumente.

UMphathiswa wezimbiwa
kweli uMosebenzi Zwane, kwakunye nomphathiswa wentsebenziswano kurhulumento,
nemicimbi yezemveli uDavid van Rooyen ngabanye ekukholeleka ukuba batyunjwa
ziiGuptas ukuze babe kulawulo.

UVan Rooyen
ubengumphathiswa wezemali iintsuku ezine, kwinyanga yoMnga kunyaka ophelileyo,
wabuya wakhutshwa kwesi sikhundla emva kokuqhuba kakubi kweli lizwe kwiimarike
zezimali. Eli nyathelo labonwa njengelinye lolu sapho ekuthabatheleni kulo
ulawulo lwezemali kweli. 

Emva kombhodamo oqhubeka kwiimalike kwanyanzeleka
ukuba uVan Rooyen asuswe kwesi sikhundla.

Usekela mphathiswa
wezemali uMcebisi Jonas, nowayesakuba lilungu lePalamente uVytjie Mentor, kwakunye noThemba
Maseko owayeyiNgqonyela kwiqumrhu elijongene nonxibelelwano lukaRhulumente
iGCIS baphumela elubala ngeendibano zasekhusini namalungu osapho lakwaGupta. 

UJonas wadiza ukuba ilungu losapho lakwaGupta lamxelela ukuba angangumphathiswa
wezemali xa kususwe owayengumphathiswa ngoko uNhlanhla Nene, kodwa okaJonas wakwala
oku. UMentor uthi, wayenikwa isikhundla sokuba ngumohathiswa wamaqumrhu
karhulumente, esasiphethwe nguBarbara Hogan, kodwa naye wasala.

UMaseko yena uthi, wayalelwa
nguZuma ukuba ancedisane namalungu osapho lakwaGupta, ngokuthi kuxhamle
iphephandaba lolu sapho kwintengiso karhulumente. Esi sithathu sesinye sabanike
ubungqina kuMadonsela ngezi zityholo.

UMadonsela udize ukuba
ukususela ngeyoKwindla kulo nyaka uZuma wayenikwe imibizo akufanele ukuba
ayiphendule, kodwa kwidibano phakathi kwesi sibini kwiveki ephelileyo uZuma
ucele uMadonsela ukuba alidlulisele kuMkhuseli Woluntu ozakungena ezihlangwini
zakhe uBusisiwe Mkhwebane olu phando.

Kule ndibano uMadonsela uphinde
wakhupha omnye umyalelo othi uZuma makaphendule imibuzo, ukuze luqosheliswe olu
phando, noZuma wemka ethembisa ukwenza oko, phambi kokuba avele izolo esithi
akanikwanga xesha loneleyo.

UZuma uvele secula culo
limbi esithi ufuna ubungqina obuphambi koMkhuseli Woluntu, namangqina anike obu
bungqina. UMentor uthe abuyomfihlo obakhe ubungqina, uZuma uthatha imiyalelo
kwiiGuptas ezisebenza nonyana wakhe uDuduzane.

 Namaqela aphikisayo aligxekile inyathelo
likaZuma ngelithi utya nje ixesha kuba selikufutshane ekupheleni ixesha
likaMadonsela njengoMkhuseli Woluntu. IDA ithe elinyathelo lelokuqanda
uMaadonsela ukuba angayikhuphi le ngxelo, ngelixa iACDP ithe uZuma ufuna obu
bungqina ukuze agrogrise abo baphathiswa banike ubungqina.