Ibulele yafihla isidumbu senkosikazi indoda yaseMaluti

SIFUNYENWE emva kweentsuku ezintlanu isidumbu senkosikazi
ebulewe ngumyeni wayo kwilali iSikiti eMaluti. Esi sidumbu sifunyenwe sele
sonakele ngumhlobo wosapho, sifihlwe phantsi kwebhedi kwikhaya lika mfikazi nomyeni wakhe ongumbulali.

Le ndoda ithi ibityelele
eli khaya izokuzonwabisa nomhlobo wayo. Livumba elibi, nelingaqhelekanga elikhokelele ukuba akhangele undonakele. Uthi uye wafumana isidumbu senkosikazi yeli khaya sifihlwe phantsi kwebhedi, emva koko le ndoda yavuma kuye ukuba imbulele.

Umhlobo weli khaya ubikele amapolisa emva kokufumana umzimba, nafike ambanjwa umrhanelwa ominyaka ingamashumi
amathathu anesithathu.

Isithethi samapolisa aseMaluti uKhaputeni Raphael Motloung uthe: “Akufumana
le ngxelo amapolisa aye kwindawo yexhwayelo apho afike sikhona isihelegu. Abambe
umrhanelwa, avula ityala lokubulala nokufihla ukubulala. Ityala liyaphandwa kwaye
umrhanelwa uzakuvela okwesibini enkundleni ukuya ku faka isicelo sebheyile.”

UMotloung ubike ukuba
umrhanelwa wathumela abantwana babo ababini kwikhaya le nkosikazi yakhe,
ngelithi mabayochitha iintsukwana njengoko beqhele ukwenza njalo. Ngelixa
bangekhoyo uhlasele wabulala umkakhe askugqiba wamfihla phantsi kwebhedi.
Umfikazi ubeneminyaka engamashumi amabini anesibhozo.

UMotloung uthe isizathu sokubulawa kwale nkosikazi asikaziwa, noxa kunjalo
amapolisa arhanela udushe lwasemakhaya, iingxabano nempatho gwenxa phakathi
kwesi sibini. Ukwathe amapolisa azakokwenza umzekelo ngamagunya
omthetho kwabo baphemba udushe emakhaya.

Kulindeleke ukuba umrhanelwa
avele phambi kwenkundla kamantyi eMaluti ngomhla wamashumi amabini ananye kulenyanga
ukufaka isicelo sebheyile.