ICalata inomona nothando ngoMasualle

KUBONAKALA ngathi iANC yaseMpuma Koloni ide yaphumela elubala ngothando lwayo, okanye umona, ngakuPhumulo Masualle.

Kule veki lo mbutho ukhwebe indibano noonondaba eCalata House eQonce, oondlunkulu beANC ephondweni, kulandela indibano yesikhawu yekomiti embaxa ephondweni ebibanjwe ngoMvulo.

Le ndibano ishukuxe imiba eliqela ekuquka kuyo ingxelo kaSbu Ndebele, ayenze malunga nesikhokelo sikaOscar Mabuyane.

Le ngxelo kaNdebele ishukuxwe kanobom kwindibano yeANC kazwelonke eKapa, kwaye kugqitywe kwelokuba mazibekelwe bucala izindululo zayo.

Ngenxa yokubekelwa bucala kwale ngxelo kaNdebele, ebindulule ukuba masichithwe isikhokelo sikaMabuyane, iANC ephondweni inyanzeliswe ukuba ingamgxothi uMasualle njengeNkulumbuso yephondo.

Endaweni yoko, iANC ephondweni iza kuhlala kwisithebe sengxoxo noMasualle, ngeenjongo zokwakha ubunye kumbutho nanjengoko sele izinyangana ezimbalwa phambi kokuba kuyiwe kumsebenzi wokugayela inkxaso unyulo lonyaka ozayo.

Unobhala weANC ephondweni uLulama Ngcukayitobi ungqinile ukuba isikhokelo seANC ephondweni besinazo iindawo ezikhwinisayo ngolawulo lukaMasualle.

“Ukugxeka kwethu [uMasualle] bekusekezelwe kuthando nomona wethu ngakule nkokeli kuba besikholelwa ukuba kukho izinto ebekufanele ukuba zenziwe ngurhulumente wephondo ngexesha elithile.

“Olu ngenelelo lukazwelonke lusinika ithuba lokuba sihlale esithebeni nalo kaMasualle, sixovule izinto esicinga ukuba zidla umzi,” utshilo uNgcukayitobi.

UNgcukayitobi uthi isikhokelo sephondo siza kuhlala noMasualle kungekudala, kuboniswane ngemiba edla iphondo. Le miba iquka ukutshintshwa kwabanye babaphathiswa kwikhabhinethi kaMasualle.

Lo kaNgcukayitobi uthi zikhona iimpawu zokuba imihlambi eyalanayo yeANC eMpuma Koloni, ingatyela sithebeni sinye kwakhona.

“Zikhona iimpawu zokuba buza kwenzeka ubunye kweli phondo. Ewe ke zikhona iindawo apho uye ubone ukuba kunzima, kodwa ke siza kunyamezela. Umbutho iANC mkhulu kakhulu, ufuna ubambiswano.

“Kodwa lona utshintso ephondweni, luza kwenzeka. Xa sele sigqibile ukuthethana neNkulumbuso (Masualle), kuza kwenziwa isibhengezo malunga notshintsho kwikhabhinethi yephondo,” utshilo uNgcukayitobi.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za