Icenga amaMpondo iKumkani yamaXhosa

UKumkani Zwelonke Sigcau Umfanekiso: Oselugcinweni

IKumkani yesizwe samaXhosa, uZwelonke Sigcau, icenga isizwe samaMpondo ukuba simanyane ukukhangela isisombululo kwiingxaki ezambethe esi sizwe. 


Oku kusemva kokuba iNkundla yoMgaqosiseko kumantla eRhawuti ichithe isibheno seNkosazana yesi sizwe uWezizwe Sigcau, ebesiphikisa ubuKumkani bukaZanozuko Sigcau.


UKumkani uZwelonke Sigcau uthethe oku ngethuba kuqhutywa imibhiyozo yenkcubeko nemveli yesizwe samaMpondo eLwandlolubomvu eMatshona eNtabankulu.


“Nini maMpondo abayaziyo imbali yenu, ngoko ke fundani ukusombulula iingxaki zenu phakathi kwenu, ngaphandle kokubalekela ezinkundleni,” uthethe watsho uKumkani uZwelonke.


Le Kumkani yamaXhosa ibikunye neKumkani yamaPedi aseLimpopo uMampuru wesithathu ukuzimasa lo mnyhadala. 


“Iinkundla zomthetho aziyazi ukuba ngubani ofaneleke ukuba abe yiKumkani yesizwe samaMpondo, kodwa nina niyakwazi kakuhle oko, manyanani ke nisombulule iingxaki zamaMpondo,” uthethe watsho uZwelonke.


Ukanti iKumkani yamaMpondo aseNyandeni uNdamase Ndamase akafikanga nanjengoko bekulindeleke ukuba amkele imbasa iVictor Poto Ndamase.

 

UKumkani uZwelonke ukwasebenzise eli thuba ecacisela loo nginginya yeeNkosi nesizwe samaMpondo ngendlela azalana ngayo amaXhosa namaMpondo. 


”Lo mama uzele eli khaya kuthwa nguMaSarhili, yintombi yaphaya ekhaya eNqadu eyathi yaza kwandela apha emaMpondweni, eli gama lithi Sigcau apha leza naye ethiya unyana wakhe uSigcau ngegama lomnakwabo uSigcau wamaXhosa,” uthethe watsho uKumkani uZwelonke. 


Lo mnyhadala waqala ngonyaka ka2006 ngelinika imbeko kuNkosi uNtsikayezwe Sigcau onguyise kaNkosi Nzululwazi Jongilanga Sigcau eLwandlolubomvu , eMatshona eNtabankulu.


UNkosi Tsundzuke Mahume wamaTshangana aseLimpopo ebeyinxalenye yeeNkosi ebezifudumeze lo mcimbi.

 

Ukanti iKumkani yamaPedi uMampuru wesithathu usebenzise eli thuba ethetha banzi ngomcimbi wokwabiwa kwakho komhlaba eMzantsi Afrika.


“Urhulumente wethu kufuneka anyathele ngobunono kulo mcimbi womhlaba, kuba umhlaba wona siyawufuna kodwa umhlaba ovelisa ukutya kufuneka ungachukunyiswa,” utshilo uKumkani Mampuru wesithathu. 


UNkosi Mpumalanga Gwadiso egameni leeNkosi zeMpuma Koloni, ungqinile ukuba beziiNkosi bayawufuna umhlaba.


“Iimpepha zobunikazi bomhlaba mazinikwe iiNkosi, hayi urhulumente, kuba urhulumente uyatshintsha, xa enokutshintsha lo umiyo urhulumente singenza njani, lo nto ithetha ukuba umhlaba ungabuyela ebelungwini,” utshilo uGwadiso.