Idlwengulwe yabulawa inkondekazi ena-91

 

Endaweni yokuba iziganeko zokuphathwa gadalala kwamanina kumatiletile enziwayo ngurhulumente wephondo kuquka nemibutho engenanto yakwenza norhulumente ejongene nokulwa uxhatshazo lwamanina zithomalale, kusabonakala ingathi akukho mtyhi njengoko kubulewe inkondekazi eneminyaka engama91 ze kwadlwengulwa enama71 kodwa yasinda ekubulaweni. Ezi nkondekazi zimbini bezilele ndaweninye eTsomo.

Oku kwenzeke ebusuku ngeCawe kwilali yaseSigubudwini eTsomo.

Ingxelo ephuma kuBrigadiya Tembinkosi Kinana ithi kuvakala ukuba ezi nkondekazi bezilele zombini ngethuba kungena endlini ngefesitile amadoda amabini angaziwayo.

La madoda afune imali ngenkani kwezi nkondekazi phambi kokuba azidlwengule.

UKinana uthi le nkondekazi inama71 ikwazile ukuqhawula yabalekela ebumelwaneni, yabe ishiya enye ngaphakathi idlwengulwa. Amapolisa abiziwe nakhawulelwe ngumzimba wale nkondekazi (91) ngasemnyango sele ibhubhile. Uthi akukacaci esona sixhobo besisetyenzisiwe sokubulala le nkondekazi.

UMkomishinala wamaPolisa ePhondo uNjengele Liziwe Ntshinga usikhalimele esi sehlo simasikizi senzeke kwezi nkondekazi.

Abarhanelwa ababini nabaneshumi elinesithoba leminyaka (19) babanjiwe ngoLwesibini malunga nesi sehlo sokuhlasela ezi nkondekazi. Aba babanjwe kwilali yaseJojweni ekufutshane neyaseSigubudwini.

Abarhanelwa bayavela namhlanje umhla weshumi kwinkundla yamatyala eTsomo. Bajongene netyala lokuphanga, ukudlwengula nokubulala.

Ezi ziganeko zokuhlaselwa kwamaxhegwazana azinqabanga ukwenzeka mvanje kweli phondo. Ekuqaleni kwalo nyaka ka2021, kwindawo yaseZingqolweni eLady Frere kwasa kubulewe amaxhegwazana amathathu ngobusuku obunye kwimizi yawo.