IFohloza ikhe yangamaxhoba odlwengulo

IQELA lomculo lamantombazana amathathu elokishi yaseKhayelitsha, eTinarha kwiMpuma Koloni, alikhange lityhafe endleleni noxa nje ligagene nobunzima bentsokolo kuquka nokuba ngamaxhoba odlwengulo.

Aba bathathu – uWendy, uNondumiso kunye noNomphelo Tobi – nabazibiza njengeFohloza kwiqonga lomculo, bayayazi inzima nenkxwaleko yokushiy’ ikhaya ngelifuna ukufezekisa iphupha lokucula.

La magqiyazana, nasatshila kwiqonga lolonwabo kunamhl’ oku, athi ukuxhwilwa nokudlwengulwa kwabo, akuzange kutshabalalise isiphiwo asiphiwe nguMdali.

UWendy, uNondumiso, noNomphelo (iFohloza) baxhwilwa ilanga lihlab’ umhlaba kwaze kwadlwengulwa omnye wabo ngoonqevu baseRhawutini. Babezakukhwela kwiqonga lamawonga esixhenxe weSouth African Music Awards (SAMA7) ngobo busuku noLebo Mathosa – bevela kuzilolonga ngelixa bekhweliswa sisithuthi ababecinga ukuba sesikawonke-wonke.

“Kwathi kanti sikhweliswe ngoonqevu ababezizidlwengu ababetshaya intsangu,” kutsho uNondumiso weFohloza ebalisela I’solezwe.

“Yayingabafana abane, abasithembisa ngokuba bazakusibeka eYeoville – kodwa batyhutyha nathi iilokishi ezininzi bayokutshona kwilokishi ethile engase-Alexandra,” kutsho uNondumiso.

“Ekufikeni kwethu apho basisa ndlwini ethile yetshomi yabo nalapho babezimisele ukwenzela khona bonke ububi ababucingayo ngathi.

“Baphela bedlwengula omnye wethu, bekwathembisa nokulandela ngam ngelixa betshaya intsangu,” kubalisa uNondumiso.

IFohloza ithi ngalo mini yayingathi bakumboniso bhanya-bhanya obonisa ngobomi babo. UNondumiso uthi basenombulelo kunamhla oku kuba omnye wabo wazigulisa ngamandla, nto leyo yenza ukuba asiwe kwikliniki ekufutshane kanti oko kukusinda kwabo.

Uthi kwafumaniseka ukuba lowo wayebaxhwila yayingumdlwenguli ogqugqisayo, nowagwetywa iminyaka elishumi elinesihlanu eqamele ngenqindi ejele.

Obo ayibubo bodwa ubunzima abahlangabezene nabo beyiFohloza, ukungabinamali yokutya, yokuthenga impahla neyokukhwela iteksi bayakwazi. Kaloku bangena bebancinane emculweni, nto leyo eyabangela ukuba baqhathwe ngeemali zabo.

“Sasibancinane ukufika kwethu eRhawutini, sasifuna udumo, sifuna ukuphuma koomabonakude, ngoko sasiqhatheka lula, saphela sityelwa imali yethu – saphila ubomi obunzima,” kutsho uNondumiso.

Emva kokusebenza neqela leKwaito iTrompies kwingoma yabo ethi Fohloza, elo lathi yaba ligama elathi baliphiwa kuba beneziqu ezikhulu kwaye benxiba ngohlobo oluthile.

Bathi batyikitywa yiHola Music kaMdu Masilela ngo2001, baze bakhupha icwecwe labo lokuqala elithi Sinqobile – nelalineengoma ezifana noNomfazwe, Mazwi nezinye, kodwa zange lihambe kakuhle elo cwecwe kuba bathi uMasilela wabatyikityisa isivumelwano abangazange basiqonde.

“Kwathi kanti simnika yonke imali esiyifumana ngecwecwe lethu, thina sasingafumani nesenti ngalo.” Ngo2010, iFohloza ikhethe ukubuyela eMpuma Koloni, nalapho ikhuphe icwecwe labo lesibini elibizwa Buyelekhaya.

Ngoku balungiselela ukukhupha elinye ngenyanga yeThupha, inyanga yamanina. IFohloza icula wonke umculo othandwayo, ukusuka kwiAfroPop, iGospel neJazz.

Bazakube betshila eCrumway Building eBhayi ngowe-26 kweyeSilimela. Ungaphoswa, kuza kube kungenwa simahla!