Ifuna ilifa layo inkosikazi yaseMonti

UCynthia Nomkango Mabuya ephethe umfanekiso womyeni wakhe ongasekhoyo uJohannes Manfred SchmidtUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Iza KUBHENELA enkundleni ephakamileyo eRhini inkosikazi yaseMdantsane uNomkango Mabuya, emva kokungafumani ilifa lendoda yakhe enguJohannes Manfred Schmidt oyinzalelwane yelaseJamani.

Le nkosikazi yazimanya nale ndoda yaseJamani ngo2011, emva komzabalazo omde wokuqhawula umtshato wayo waseJamani. Ilifa likaSchmidt ligcinwe yinkampani yakwa-Old Mutual ukusukela oko wafikayo kweli loMzantsi Afrika ngonyaka ka1967.

Emva kokubhubha kukaSchmidt ngonyaka ka2012, le nkosikazi yaqalisa ukufuna ilifa lendoda yayo kwinkampani yakwa Old Mutual. “Siqale sasokola ukutshata esithi urhulumente walapha akakwazi kutolika incwadi eyayisuka eJamani, isivumela ukuba singatshata kuba ewuqhawule umtshato utata, ngoku abavumi kundinika ilifa lendoda yam,” ucacise watsho uMabuya.

USchmidt wangena kweli ngonyaka ka1967, ethunyelwa yinkampani yakwaSiemens ukuba aze kuqeqesha abasebenzi bale nkampani.

“Yonke le nto inobuhlanga kuba aba bantu abade bacacise ukuba kutheni bengandiniki le mali, ukuba bathi andingomfazi katata kwakutheni ze bandinike eyokumngcwaba, kuba bandinika R10 000 yomngcwabo,” utshilo.

Le nkosikazi sele idleke imali ezinkulu kwinkampani ezahlukeneyo zamagqwetha izama ukufumana ilifa lendoda yayo kwaOld Mutual. Igosa lesebe lezekhaya eMonti lingqinile ukuba liyawazi umtshato wesi sibini.

“Emva kweenzame ezininzi zokuqhawula umtshato wakhe waseJamani lo tata, wade watshata ngokusemthethweni nalo mama wakwaMabuya, babetshatiswa ndim,” litshilo igosa. Okwangoku asaziwa isixa-mali esizakufunyanwa yile nkosikazi kaSchmidt nanjengoko iyimfihlelo yenkampani yakwa-Old Mutual.

Le nkosikazi ithi kuyothusa ukufumanisa ukuba urhulumente welizwe laseJamani ngoyena ungakhange abenengxaki zokumnika iimali zale ndoda.

“Ngenyanga nganye ndifumana imali yomhlala phantsi osuka kurhulumente welizwe laseJamani, kodwa apha elizweni lam lokuzalwa ndiyasokola ukufumana ilifa lam,” utshilo uMabuya.

Othethe egameni lekomkhulu lenkampani yakwaOld Mutual ePinelands eKapa, uSusan Van Schoor, uthi baqhuba uphando ngale meko. “Ndingangqina ukuba sisifumene isikhalo semali engade iphume, siye siqhube uphando olunokuthatha iiveki ezimbini, size kamva sinixelele ukuba kwenzeka ntoni,” utshilo uVan Schoor.

Uthi xa kukho izinto ezicekethekileyo ezimalunga nebango elo, bathetha nomnikazi webango kuphela. Le nkampani yenye yeenkampani eziphambili ezigcine amafama wabantu belizwe loMzantsi Afrika.