Ifunyenwe indoda yaseTshayina eyayixhwilwe, kwabanjwa abarhanelwa abathathu

Ufunyenwe uLu Xian. UMFANEKISO: SAPS

Indoda yaseTshayina uLu Xian (43) ihlangulwe emva kokuxhwilwa kwiveki ephelileyo. Eli phulo lokuhlangula ibiyintsebenziswano yamasebe ohlukeneyo amapolisa, nalapho kwabanjwa abarhanelwa abathathu ngobusuku be16 kuTshazimpuzi ka2024.

Kutyholwa ukuba ngoLwesithathu, umhla we10 kuTshazimpuzi ka2024 malunga nentsimbi ye-17:40, uLu Xian waxhwilwa ngelixa wayeshiya indawo yakhe yokusebenza kudederhu lweevenkile eKariega (eyayifudula iyiTinarha).

Kutyholwa ukuba wanyanzelwa ukuba angene kwiveni emhlophe yeIsuzu Double Cab ze imoto yakhe iVW Crafter Minibus yaqhutywa ngomnye wabarhanelwa.

Isithethi seeHawks eMpuma Koloni, uKapteni Yolisa Mgolodela, uthi onke amasebe amapolisa abandakanyekayo ekubanjweni kwabarhanelwa enze eli phulo ngeenjongo zokubuyiswa kwexhoba likhuselekile.

“Ngomhla we16 kuTshazimpuzi ka2024, malunga nentsimbi ye19:15, kwafunyanwa ulwazi malunga nabarhanelwa abakwindlu yeRDP eMissionvale apho ixhoba lafunyanwa libotshwe ngamatyathanga ligqunywe ubuso.

“Abarhanelwa abathathu abaphakathi kweminyaka engamashumi amathathu ananye (31) ukuya kumashumi amane ananye (41) babanjwa kwalapho. Ixhoba liye lahlangulwa ngaphandle kwentlawulo. Ngethuba kuqhutywa eli phulo kuthinjwe umpu wohlobo lwe9mm, umpu ekuthiwa yishot gun, iRenault Triber kunye neveni yeIsuzu Double Cab,” utshilo uMgolodela.

Aba bathathu kulindeleke ukuba bavele phambi kwenkundla kamantyi eKariega ngoLwesihlanu, umhla we19 kuTshazimpuzi ka2024.

Njengokuba kugquba ukuxhwilwa kwabantu kulo mmandla, iNtloko yeeHawks ePhondweni uMajor General Mboiki Obed Ngwenya uvakalise uchulumanco lwakhe ngempumelelo yamaqela abandakanyekayo nanjengoko ekholelwa ukubanjwa kwaba barhanelwa kungakhokelela ekubeni kuvulwe amanye amatyala okuxhwila asaphandwayo.