Igama elitsha ephondweni

URHULUMENTE weli phondo ufuna, ngokukhawulezileyo, iphele into yokuba uEastern Cape aguqulelwe kuMpuma Koloni endaweni kaMpuma Kapa logama kusalindwe inkqubo yegama elitsha lokuthiya iphondo.

Kumaxesha amaninzi, ngokokubhala nangokuthetha, uluntu lumtolika uEastern Cape njengoMpuma Koloni.

Kutshanje iNkulumbuso uOscar Mabuyane ucatshulwe kwimithombo yeendaba eliqela ngelithi inkqubo yegama elitsha ephondweni iza kubuyela kwisithebe sengxoxo.

Le nkqubo yakhe yavela ngethuba iphondo lalisaphethwe ngongasekhoyo uMfundisi Makhenkesi Stofile, kodwa yaphinda yathi cwaka.

Amagama ekuvakala ukuba aphala phambili, elinokuthiywa ngawo iphondo, ngala: KwaXhosa, KwaNtu, ENciba nelithi EMakhaleni.

Konke oku kuphenjelelwa yingxoxo ethe gqolo ukuvela yokuba ukutolikwa kwegama elithi Eastern Cape lisisiwa kuMpuma Koloni yinto enganiki sihlahla. Bambi bathi ukufakelwa kukaKoloni kubuyisela mva kwinkqubo yocalucalulo, logama abanye besithi uMpuma Kapa, wenza ibe ngathi iphondo liceba laseKapa (Cape Town).

Abahlali baseMpuma Koloni ababalisele I’solezwe lesiXhosa malunga noku bathi urhulumente wephondo ufanele ukugxila kwimiba yokusiwa kweenkonzo eluntwini endaweni yoku logama abanye besithi mayiqhube le ngxoxo.

Isithethi sikaMabuyane uMvusiwekhaya Sicwetsha uthi urhulumente akazukukhokelisa lo mbandela wokutshintshwa kwegama endaweni yeenkonzo ekufanele ukuba ziya eluntwini.

“Noxa nje kubalulekile oku, asinaxinizelelo lwamaxesha [okutshintsha igama lephondo] ukodlula [ukubaluleka] kokusa iinkonzo ezifana namanzi, umbane, ukudala amathuba engqesho, ukupheliswa kwendlala ngokudala amathuba okuxhaswa kwabezoshishino kwanokukhulisa uqoqosho,” utshilo uSicwetsha.

USicwetsha uthi ibhunga elijongene nokutshintshwa kwamagama lilo eliza kuchaza ngamaxesha okwenziwa nokuqosheliswa kwalo mcimbi wokutshintshwa kwegama lephondo.

“Into ebalulekileyo kukulungiswa kukaKoloni sisiya kuKapa, ngoko ke yiMpuma Kapa,” utshilo uSicwetsha.

UManejala ophezulu wephondo laseMpuma Koloni kukhala weelwimi iPan South African Language Board (PanSALB), uXolisa Tshongolo, uthi: “Lo mcimbi kaKoloni okanye Kapa ufuna ukuphathwa ngendlela efanelekileyo. Okokuqala xa kusingiswe kulwimi, bobabini uKoloni noKapa, akukho nto iphucukileyo beza nayo.”

“Naxa kusiyiwa embalini yalo ulwimi nembali yelizwe, bobabini uKoloni noKapa akukho nto baza kuyiphucula. Nokuba kuthwe Koloni okanye kuthwe Kapa, ayisincedisi nganto lo nto tu,” utshilo uTshongolo.

“Into engangcono kukuba kuthiywe iphondo ngendlela efanelekileyo nelunge kule mihla, xa kuthwa kufunwa ukusuka kwimbali yobukoloniyali kuba uKapa lo kaCape naye uze namakoloniyali. NoKoloni lo kaColony naye uze namakoloniyali. Ngako ke akukho nto iza kuyiphucula nakancinci into yokuba kufane kusukwe kuKoloni kuyiwe kuKapa kuba yinto enye leyo. Kodwa ke sithi mayiqhube le ngxoxo, nangokwezepolitiki.

“Xa begqibile, ingakumbi xa kufikelelwa kulwimi beze kuthi (PanSALB) malunga negama abacinga lona sibancedise kumcimbi wolwimi. Kuba into enokuba ntle kukuba kuthiywe iphondo ngegama eliza kwamkeleka kule mihla,” utshilo uTshongolo.

Abahlali abancokolele I’solezwe lesiXhosa bebentlantlo zahlukeneyo ngalo mba. “Abantu balambile abasebenzi, imeko ezibhedlele imbi, kweza lali zaseNgqushwa amanzi awekho, abantu bakhona basela amanzi amdaka emifuleni nasemadamini. Kubi nje konke eEastern Cape. Ungena eQonce kumdaka ngathi kuhlala iihagu, kuyimigxobhozo yamanzi eedreyini. Into yegama iza kubanceda ngantoni abantu bela phondo?” kubuza uIndi Dada.

Yena uThandokazi uthe: “Le yoguqula igama apha eEastern Cape yinkcithomali, zininzi izinto ezifuna ukwenziwa apha kweli phondo. Imsebenzi ayikho, ulwaphulomthetho luphezulu. Aba bantu bafuna ukuguqula eli gama ngabantu abafuna ukuhlohla izisu zabo ngemali yerhafu ephangelelwa nzima.”

UWandisile Ndziweni uthi: “Malitshintshwe, yintoni lo nto iEastern Cape?”