Igqala leANC ‘lifuna’ kugrunjwe amathambo walo aseRhawutini

UNobhala weANC * -Ace Magashule ethabatha umfanekiso nomxhasi weANC phambi kwekhaya lika-AB Xuma kuManzana eNgcobo

USAPHO lowayesakuba nguMongameli weANC uGqirha Alfred Bathini (AB) Xuma lufuna amathambo eli qhawe ukuba abuyele kowalo kuManzana eNgcobo, nanjengoko bebanga ngelithi sele evele amatyeli kumaphupha eentsapho zakwaXuma esithi ufuna ukubuyela ekhaya.

UXuma wabhubhela eRhawutini ngo1962, emva kokuba nguMongameli weANC iminyaka elithoba ukusukela ngo1940.

Kwiveki ephelileyo iANC, ngokukhokelwa nguNobhala * -Ace Magashule, ityelele ikhaya lakwaXuma kuManzana, ngokokulandela inkqubo yalo mbutho yokutyelela abo babesakuba ngooMongameli beANC.

Oku kuyinxalenye nemibhiyozo yeANC yokugqiba iminyaka elikhulu elinesithandathu.

Kwindibano nosapho lakwaXuma, uMagashule uxelelwe izinto zambini, ezona zixhalabise usapho lakwaXuma.

“Izinto esimxelele zona [uMagashule] kukuba sifuna umfanekiso oqingqiweyo [ka-AB Xuma] osedolophini eNgcobo, uvulwe ngumntu okwinqanaba lobuMongameli.

“Enye into esimxelele yona kukuba sifuna amathambo katatomkhulu wethu abuyiswe eRhawutini, eze apha kuManzana,” kutsho umzukulwana ka-AB Xuma, uMthetheli Xuma.

Kule ndawo inomfanekiso ka-AB Xuma kukwakho nokaWalter Sisulu. Yomibini le mifanekiso igqunywe ngeeplastiki ezimnyama.

UMthetheli uthi emva kwendibano noMagashule, banethemba lokuba le mifanekiso izakuvulwa ngumntu okwinqanaba lobuMongameli, nokuba nguMongameli weANC okanye owelizwe.

“Kukho imifanekiso eqingqiweyo elapha eNgcobo Heroes Park, futhi siyayamkela lo nto.

“Ingxaki yethu kukuba * -AB Xuma wayenguMongameli weANC, ngoko ke umfanekiso wakhe sifuna uvulwe ngokusesikweni ngumntu okwinqanaba leANC.

“Urhulumente waseMpuma Koloni wakhe wafuna ukuyivula le mifanekiso, kodwa sabaxelela ukuba sifuna umntu okwinqanaba lobuMongameli,” utshilo uMthetheli.

UMthetheli ukwathe ikhaya liwulungele umsebenzi wokubuyisa amathambo ka-AB Xuma.

“Utatomkhulu uvele ephupheni kubantu ababini balapha ekhaya, esithi ufuna amathambo akhe abuyele apha ekhaya. Ngelo xesha sasingekawulungeli lo mba, ngokwezezimali. “Ngoku sithi urhulumente makasincedise ngokwezimali, ukuze sibuyise amathambo ka-AB Xuma nowakwakhe uNosizwe kuquka nentombi yabo uNozipho.

“UNozipho wasweleka ekuthambekeni kweminyaka yoo1970 eselubhacweni eSwaziland,” utshilo uMthetheli.

UMagashule uthe bayivile inkxalabo yosapho lakwaXuma, watsho esithi uzakuyidlulisa koogxa bakhe embuthweni.