Igumgedle lokulibazisa ityala likaOmotoso

Alibuyi ngamva igqwetha likaOmotoso, lithi liza kubhenela kwinkundla engasentla ukususa ijaji echophele ityala elijamelene no-Omotoso.

Eli gqwetha, uPeter Dauberman, likhwele eqongeni kwiNkundla ePhakamileyo yaseBhayi ngoLwesibini seliphethe enye inkunzi yexwebhu lezikhalazo, lisithi liyalelwe nguTimothy Omotoso ukuba likhalazele inkqubo yesheyi phakathi nangaphandle kwale nkundla yamatyala.

Uhambise wathi le inkundla ayikhangeleki njengenkundla enokuthenjwa ngabamangalelwa, esithi isizathu sesikhalazo sabo kukuba kukhethwa iphela emasini ukungena kwabaxhasi kule nkundla.

“Abaxhasi bamangalelwa bayalelwa esangweni ukungena ngaphakathi kwesakhiwo senkundla, abangenileyo ngaphakathi enkundleni bangundaniselana kwisitulo esinye, kanti ngabatheni abangenayo nabangangeniyo?”

Uthe le nto ayibaphathi kakuhle abamangalelwa, watsho esithi kuya kunyanzeleka ukuba kubizwe nomkomishinala wamapolisa ephondo azokuqonda ukuba baphezu kwantoni oonogada abasebenza kwesi sakhiwo.

Ijaji echophele eli tyala, uMandela Makaula, ubuze kuDauberman ukuba ezi zinto azithethayo yindlela azulisela ityala ukuba lingaqhubi na.

Le jaji iqhube ngokunikezela ingxelo yayo malunga nesicelo sikaDauberman nogxa wakhe uTerry Price sokuba iziguzule kwesi sihlalo, isithi iyasikhaba, yatsho icaphula amasolotya athile omthetho.

“Eli ligumgedle lokulibazisa ityala lingaqhubi libheke phambili kuba nezizathu eniza nazo azinasihlahla,” itshilo ijaji.

UDauberman uthe ukuba kunjalo akazukubuya ngamva ngesi sicelo, uzakuya kucenga ukumanyelwa ePitoli malunga nesi sicelo.

UJaji Makaula ulimisele umhla weshumi kwinyanga yoMnga eli tyala.