Igwetyelwe ukudlwengula indoda yaseDutywa

Ugwetywe iminyaka esibhozo entolongweni uSiyanda Mgushelo waseSheshegu eDutywa, emva kokufunyanwa enetyala lokudlwengula intwazana eneminyaka elishumi elinanye. Esi sigwebo siwiswe yinkundla yamatyala yengingqi yaseGcuwa.

Ngokwengxelo, ubungqina obuvezwe phambi kwenkundla, ngomhla wesiHlanu kwinyanga yeSilimela kunyaka ophelileyo, babonisa ukuba uMgushelo wayidlwengula le ntwazana emva kokungena ngenkani kwigumbi eyayilele kulo, noodade wayo ababini, oneminyaka emithathu kwakunye noneminyaka esixhenxe.

Isisthethi seGunyabantu lezoTshutshiso kwingingqi yaseMthatha uLuxolo Tyali uthi, umama wexhoba wayengekho ngobusuku ekwakudlwengulwa ngabo umntwana khe. UMgushelo wayeyazi ukuba abantwana babodwa nanjengoko emelene nekhaya eli.

“UMgushelo wangena sele ecima isibane, wagquma ngengubo aba bantwana abancinci, akugqiba wazinyanzela kwixhoba elidlwengula. Noxa kunjalo ixhoba lakwazi ukumkhomba umrhanelwa njengoko engumakhelwane kwaye ekwangumqhubi weteletele elalini,” utshilo uTyali.

Ngokwengxelo uMgushelo wabanjwa ngosuku olulandelayo esanxibe iimpahla ezo ebezinxibe ngethuba esenza lo mkhuba.

Enkundleni, uMgushelo waliphika ityala, kodwa emva kokuba umtshutshisi wetyala uLuyanda Gobingca eveza ubungqina botsalo-gazi obuveza ukuba nguye odlwenguleyo, watshintsha, walivuma ityala.

abongile.ginya@inl.co.za