Ihlobo lisemnyango nedabi lomhlehlo

Ihlobo lisemnyango kwaye sonke siyabona ukuba wonke umntu uthe xhwenene ezingelana nale nto kuthiwa ngumzimba wehlobo, ngokwamakhumsha i-summer body.

Uthi uvuka kusasa ubona udederhu lwabantu lubaleka ezindleleni lukwiphulo lokwehlisa amanqatha, abanye bathi xa beyiteketisa lidabi lomhlehlo. Sibaninzi ke abathe ngenxa yobusika obubanda kakhulu sangena nzulu kwizityo ezityebisayo nezimnandi, nezonka zemibhako ezityebisa kunene.

Okunye endithe ndakuqwalasela kukunyuka kwamanani abantu abathengisa izisombululo ezikhawulezayo kukutyeba ngokugqithisileyo.

Uthi usazityhalele inteshe yakho edolophini uzibone sele umiswa ngumntu ekuthengisela ooHerbalife nooForever Living kuba besithi ezi zinto ziqulathe amachiza anokunceda kweli dabi lomhlehlo.

Amaxabiso azo ke ezi zinto axhomile kwaye ke silotywa nangemifanekiso yabantu abathe behlisa amanqatha omzimba besebenzisa la macebo nala machiza ale mizi-mveliso.

Uthi usothuke yileyo uve kule mizi yemithambo ububizwa kusithiwa bahlise amaxabiso obulungu khona ukuze ubenokuzilolonga ungonzakalanga kubheka phi empokothweni.

Siyijongile ke nempumelelo yolugayo lwale mizi yemithambo ngokuba uthi ufuna indawo yokumisa imoto yakho ungayifumani kwaphela kuba kaloku kuzele, wonke umntu uleqana nalo mzimba wehlobo. Imicimbi efana nale mna iye iphuphumalise le ngqondwana yam ngemibuzo engephi.

Ingaba apha sifundiswa ukuba sibenemizimba esempilweni? Okanye kukho myalezwana uthile ophembelela ukungoneliseki kwethu yimizimba yethu?

Kakade nje besingasoze sonke sibe zizigantsontso ezinezisu ezithe nca emqolo, kwaye umntu uyakwazi ukuba libhityo abe engekho sempilweni entle. Mna ke mntu sekhe waluzama uninzi lwezi mveliso nale mizi yemithambo ndiqwalasele izinto ezimbalwana endingathanda ukwabelana nawe ngazo.

Kulo nyaka uphelileyo bendikhe ndathenga oononkxu bakula mzi kaHerbalife, yonke lo nto iphelele yandibiza into engaphaya kweR1500 ukuqala. La machiza ke aza nemiqathango ethile yendlela umntu amakatye ngayo.

Ela phetshana ndandilinikiwe lalisithi mandivuke nditye la mxube wabo njengesidlo sakusasa, lathi mandikhethe phakathi kwesidlo sasemini okanye esangokuhlwa ukuphinda nditye la mxube okanye ukutya okukuko.

Emva kweeveki ezimbini ndisebenzisa le ndlela yabo yokutya, ndafumanisa ukuba ewe ngenene ndiyehla emzimbeni, kodwa nawuphina umntu ebengasoze angahli esiqwini esitya ukutya okubambekayo kube kanye ngosuku. Yandenza le nto ndazibona ukuba ndidlale ngemali apha.

Ndasuka apho ndazama la mxube wakwaHerbex, tyhini ndazibona noko ukuba iminqweno yam yokutya iye isihla, kwaye andisekho mde kwinto yonke esiwa phantsi kwempumlo.

Ndathi ndakudikwa nguloo mxube yangathi ndivuthelwe ukutyeba oku. Ndakhe ndazama nomnye umcimbi wamandongomani avela eSouth America ekuthiwa nawo ayincutshe kweli dabi lomhlehlo.

Isimanga ndasuka ndatyeba nangakumbi kwathiwa xa ndibuza ayikokutyeba, into nayo kuphuma amanzi enqatheni. Phofu ke zonke ezi zinto ndakhe ndazizama ziphuma nendlela emawutye ngayo.

Xa ndizijonga ezi ndlela zokutya ndafumanisa ukuba kakade ukuba ndinokutya ngolo hlobo ndingaliphumelela eli dabi lomhlehlo ndingakhange ndabe ndichithe imali eninzi kule mixube nala machiza.

Kuthiwa pha hlukana nokutya yonke into emhlophe, umzekelo isonka, iitapile, iimakharoni, ii-rice, njalo njalo.

Kakade xa ukukhuphile ukutya okumhlophe kwizidlo zakho uyehla emzimbeni ungakhange ube kanti uthenge imixube ngemixube. Enye ke yezinto ekuthiwa ziyeke butywala, siyayazi naleyo ukuba uninzi lweenyembezi zikaVitoli luyatyebisa.

Kaloku ngumthetho wamazimba ukutyebisa, kwaye utywala buyawudodobalisa umxhelo womzimba ekutshiseni amanqatha nokutya.

Ekuziboneleni kwam elam lithi umntu makasuke aziqeqeshe ekutyeni ngendlela eyiyo kwaye abe ngcathu, okunye akukho kuhlisa mzimba ngempumelelo ukuba imithambo awuyenzi.

Lungisa izityo zakho ngendlela, wenze imithambo ngokuzimiseleyo, uyakuliphumelela ke idabi lomhlehlo.