‘IiBlessers mazikhangele isazela sazo, zohlukane nabantwana!’

SELE kushiyeke iiveki ezimbini ngoku igaleleke inkomfa yamashumi amabini ananye kaGawulayo ekulindeleke ibanjelwe eThekwini.

Le nkomfa igaleleka kwilizwe loMzantsi Afrika emva kweminyaka elishumi elinesithandathu.

UMphathiswa weZempilo kwiphondo laKwaZulu-Natal uSibongiseni Dhlomo, udandalazise imiba anqwenela ixovulwe kule nkomfa. “Phakathi kwemiba endinqwenela ichatshazelwe kule nkomfa, kukuba abantu bavavanyelwe intsholongwane kaGawulayo, ukuze bazazi ukuba bame ndawoni na.”

Uphando-nzulu lubonisa ukuba amantombazana akwiminyaka ephakathi kweshumi elinesihlanu namashumi amabini anesine (15-24), aphakathi kwabo basemngciphekweni omkhulu wokosuleleka yi-HIV/ AIDS. Oku kuthiwa kubangelwa kukwabelana ngesondo nezixhaphothi zamadoda amadala.

“Ngoko ke, ndingathanda ukuba le nkomfa, phakathi kwezinye izinto, imemelele ooSugar Daddy, abo babizwa iiBlessers, ukuba bazigoca-goce, bazifune, bafumane izazela zabo, bayeke ukuzungula iintwazana eziselula nezihluphekileyo, ukuze balale nazo,” utshilo uMphathiswa uDhlomo. UDhlomo uthi unethemba ukuba amantombazana kunye namanina azakusithabathela ingqalelo esi sicelo.

“Ukuba siyaqhubekeka sivumela la madoda madala onakalise ubomi bolutsha, iinzame zethu zokulwa nokunwenwa kukagawulayo, azisayi kuvuna ziqhamo zesizukulwana esingenaye ugawulayo,” utsho uDhlomo. UMphathiswa uthi, “ Siyazi ukuba kolu nxulumano lunobungozi nooSugar Daddy, amantombazana afumana imali yokuthenga ukutya nokubhatala iimali zesikolo.

Kodwa ikwachithwa nakwizinto zefashoni ezifana, neemfono-mfono eziphathwayo zikanokutsho, iimpahla ezixabisayo kunye neentlobo-ntlobo zokwenziwa kweenwele.” UMphathiswa uthi ngokwaba bantu batsha, ukuba nemali kwenza ubomi bube bukhazi-khazi kananjalo bube lulonwabo. “Inyaniso emsulwa yeyokuba konke oku kokwexeshana.

Okona koyikisayo ngemiphumela yoku kokokuba, amantombazana aselula awanamandla wokucela isondo elikhuselekileyo kwezi zixhiphothi zamadoda amadala.” Uphando oluqhutywe yiCentre for the Aids Programme Research eMzantsi Afrika (CAPRISA) kwiminyaka embalwa edlulileyo, lubonisa umkhwa owothusayo wohlobo amantombazana amancinane osulelwa ngayo yi-HIV ngamadoda amadala. Olu phando luthi, phantse onke amakhwenkwana namantombazana angena esikolweni, aphuma kwibanga likaGrade 7 engekabinaye. Ngokutsho kolu phando, ngethuba la mantombazana egqiba ibanga likaGrade 12, malunga nomyinge ka 7 – 10% wabo abe sele esulelekile nguGawulayo, ngelixa wona amakhwenkwe engekosuleleki.

Olu phando luthi unobangela woku kukuba, amantombazana awalali namakhwenkwe alingana nawo , kodwa osulelwa ngabo badala kunabo. Ngoko xa bengena eYunivesithi, umyinge ka-10% walo mantombazana abe sele enentsholongwane kaGawulayo.

Kodwa bathi xa sele begqiba kwenza isidanga sabo see-Honours emva kweminyaka emine, kube ingumyinge ka-25% wamakhwenkwe namantombazana osulelekileyo yi-HIV, nto leyo ithetha ukuba bayosulelana.

Urhulumente uhlala ecebisa ukuzikhwebula kwisondo kangangoko ubani anako – de kube kanti ukulungele ukuqubisana nemiphumela ngokomzimba nangengqondo. Kwabo kunzima ukuzikhwebula mabahlale bethe gqolo ukusebenzisa izikhuseli.

Kunyaka ophelileyo, isebe lezempilo kwiphondo laKwaZulu-Natal, lasungula iphulo le-Adolescents and Youth User-Friendly. Iinjongo zeli phulo ikukutshintsha indlela yokuziphatha koonompilo abahleli begweba abantu abatsha abaya kumaziko empilo ngeenjongo zokufumana izikhuseli.