Iimbasa zoomama beenkolo

UGqr Nokuzola Mndende enikwa imbasa yeAfrican Traditional Studies Champion Award

Ndiziva ndingenakuthi cwaka luchulumanco xa umzila namajingiqhiwu endihamba phantsi kwawo athe abonakala kwinkomfa yoomama beenkolo (women theologians) ebikwiYunivesithi yaseBotswana ngeyeKhala kulo nyaka. Kule nkomfa kuye kwanikwa iimbasa zoomama ababalaseleyo ukulwela amalungelo oomama kwinkolo zabo. Nam ke ndibe ngomnye ofumene elo wonga leAfrican Traditional Studies Champion Award.

Kule nkomfa ke ibingoomama beenkolo zalapha eAfrica nabangaphandle (diaspora), inkoliso ingoomama abafundisa ezenkolo kwiiyunivesithi, xa ndithi ezenkolo ndithetha ngale yeMveli, iBahai, iHinduism, ubuKristu, Islam neJudaism. Ngenxa yengxaki ebendinayo yekhaya andikwazanga ukuphumelela kanti ndiphosiwe, kodwa ke bakwazile ukuyinikela uGqirha Pillay walapha eKapa. UGqirha Pillay uye wayiphatha xa besiphehlelela incwadi yam ethi Mfengu/Fingo Mania. Siyiqale ngomoya ophezulu xa iqalwe ngokuba ndinikezelwe loo mbasa. Mhlawumbi omnye uza kuzibuza ukuba ngumbutho waphi lo ndithetha ngawo kuba abanye xa beziqhatha ngam bandazi ngo1995 xa sele ndisiza ebantwini ndisithi ndiluphumelele ugqatso lokulwela inkolo yethu yemveli. Ingxaki yaba yeyokuba ndingumntu ongumama, hayi ke latsha ibhayi, kodwa loo nto zange indenze ndithe amandla, ndaya phambili ndabashiya ngemva abagxeki.

Ngomnyaka ka1992 ndikula Yunivesithi yaseKapa (UCT) sasingoomama abamnyama bombutho ekuthiwa yiCircle of Concerned African Women Theologians, kumhla abanye oomama beva ubunyani ngengcinezelo yoomama nakule yam inkolo, hayi le bayixelelwa ngabelungu. Lo mbutho waqalwa nguNjingalwazi umama uAmba Mercy Oduyoye waseGhana ngo1989. Ndaba ngumama wokuqala ukuthetha ngoKholo Lwemveli nokuba le ngcinezelo isophula amalungu entamo kwezi mini, ayiso sintu kukukhetha nje kootata le nto iza kulunga kubo. Nalo 50/50 mna ndimbona esacinezela umama nabantwana xa esetyenziswa ekhaya, ulungile phaya emsebenzini kuba umsebenzi uyalingana maxa wambi ude ube ngaphezulu lo woomama. Ukuthengiswa komzi ngenxa ka50/50 wenza abantwana bangabi nakhaya baphele besezitalatweni, kanti esintwini umzi awuthengiswa, likhaya labantwana.

Masize enyanini, ukuba umntu ujonga isintu, umntu ongumama nguye obephethe ekhaya, utata elungiselelwa kuba ke inimba iya kuhlala ikhona koonozala. Ndiza kunika nje imizekelo embalwa ndisebenzisa nezinye iintetha nje eziqhelekileyo. Njengoko ingoomama oonozala, esintwini umntwana ubaluleke kakhulu kwaye isithethe nenkolo zimkhusela kakhulu.

Abantu abangootata abafuneki nganto efukwini kwaye abaninzi abayazi kwaloo nkaba yomntwana ukuba iphi, yaziwa ngumama womntwana. Kodwa kulula kumntu ongutata ukuthi inkaba yakhe isendaweni ethile. Loo nto uyive ngonina hayi ngoyise. Nezinye ke izinto endingena kuzibhala phantsi ootata abazi nokuba kubethwa bani, ngoomama abazi iingcambu ezijikeleze ukuzalwa kwalo mntwana. Nokuba ngumntwana wesingxobo waziwe ngumama nababelekisikazi bakhe. Utata uve ngabani? Uve ngomama.

Inyanisile intetha ethi umntwana waziwa ngunina, kuba kaloku noyise uxelelwa ngunina. Ngubani ke ongentla komnye apha? Amaxesha amaninzi ke ootata baye bazive bebancinci (inferior) xa bengenakugqobhozela kolu lwazi loomama, ibatsho loo nto babe ziingonyama ke ngoku. Bacingeleni nikhangele indlela yokombathisa le nto ukwenzela ukuba bazive bengabaphathi nabo.

Okwesibini, njengoko senditshilo ukuba xa ungunozala umntwana umkhusela ngandlela zonke, asinaye umntwana ekufuneka ekhulele esitalatweni thina, inimba ibanye ixele ekanomyayi. Esintwini umntwana ofunyenwe ngumfazi etshatile nokuba umfumene edotyeni, indoda isalibele kukutsha nezwe, loo mntwana ngowaloo ndoda atshate nayo. Kude kuthi xa iye yanxakama kubuzwe kuyo ukuba ibiphi, ixelelwe eziqhitsini ukuba ngumntwana wayo lowo.

Umntwana ofunyenwe ngumfazi indoda atshate nayo sele yabhubha, loo mntwana ngowaloo ndoda, amasiko ngawaloo ndoda.

·Xa indoda iye yohlukana nomkayo yaze yatshata omnye, iyaphuma yona ishiye umfazi nabantwana kuba ngumzi waloo mfazi nabantwana nokuba sele kwakhe yona.

Le yenzeka ngoku asiyiyo, kukho iingxaki ezogqunywayo ekufuneka ukuba thina boomama sifundise isizwe ukuba izinto ezithile ezenzekayo ngoku zingumgqakhwe. Kudala wayengekho umntu ongutata othukelayo ethuka umama, ngoku sizizigculelo zokuthukwa ngootata kumakhasi osasazo, phofu xa usithi makudityanwe kuxoxwe babaleke. Nangoku uza kubona, kolu luvo lwam, kuza kuqala ootata beme entabeni bethukela. Khalimelanani bootata, utshaba lwethu bubukoloniyale hayi abantu ababhinqileyo. Bubugwala ukuphindezela isixhiba sobukolonale koomama nabantwana.

Okokugqibela, ndibulela iCircle of Concerned African Women Theologians ngembasa abandiwonge ngayo, yangathi bandibonile ukuba kungona ndidlakazwayo ngootata kuba ndisilwela ubuthina (identity) bethu, kunjalonje ngoku lolu fanyana oluma entabeni luthukisele ngokungathi bayalwa kukho umoya, kodwa ke andibuyi mva. Camagu!