Iimpahla zikamfi nomfikazi

UNGANGENI ANDINXIBANGA!

SIMPHIWE NOLUTSHUNGU

Nakweliphi ikhaya bethuna kuthi nje ukuba ukufa kurhwece egxeni elo khaya, kuvele nje kuqaqambe umzimba nje lo wonke wolo sapho.

Kuthi nabaziwa ngokuswela isimilo ekhaya apha ufike nabo bematsheke ngeyona ndlela idala usizi.

Kuthethelwe phantsi ekhay’apha, nezinto ezithile zenziwe kuzoliwe de ke ezinye zingaqaliswa kwaukusetyenziswa kuba kaloku eli lona ithuba lelokuzilela lowo ungasekhoyo

Oku ke kuye kubaxeke ngakumbi xa kuye kwaphuma izwi elithi umzimba ufikile, abanye badakunjiswa nje nokuva oko hay’ ke isimilo nembeko zitsho zibaxeke kubenzima kakhulu.

Masiyiyeke ke leyo khe siqwalasele okuye kuzuzwe lusapho emveni kokukhothama kwelungu lwalo.

Ungacinga ukuba yimali nje kuphela eye ixabanise ethe ke yashiywa ngulowo ungekhoyo, okanye ucinge ngempahla yendlu okandle indlu ngokwayo athe wayakha esadla amazimba.

Hayi khona nto yakuthi, phinda ucingisise kwaye ke iingcinga zakho uzivumele ukuba zihambe ze kungenjalo akuyi kuyibona into ebonwa ngamehlo am naleyo eviwa zindlebe zam.

Ndicela uncedisane ke nam. Mandithi siyathanda ukubukana mos amaxesha amaninzi xa sidibene silusapho, omnye ancome isihlangu sakho, wumbi ancome ibhatyi oyinxibileyo okanye izibuko zakho.

Kuye ke emva koko kulandele into ethi uzukhe undiphe zona, amadela kufa ke abanye de akuxelele apha eziqhitsini ukuba mhla walala kuyakufuneka ukuba azifumane.

Emveni kokuba ke ubani ethe walala ukufa, emva kokuba kuziliwe wofika ke kuxhwithwana ngale mpahla kamfi okanye umfikazi.

Athi omnye ke ngoku asisidudla ufike ezimince ngaloo lokhwe imbambe yamzoba kuba umona ngowokuba inganxitywa ngomnye umntu, athi nongazange abe namehlo afake ezo ndondo emana ke enyola ukubheka phambili kuba wazicela kwaphambili.

Uphila nje ke kwalapha kubazala bakho kukho abakujongele ukuba azi ungamshiyela ntoni na, kwaye ke nokuba unazo iintsiba akasoze athenge nto kuba kaloku nali ithamsanqa libotshwe phambi kwakhe.

Kuthi ke oku ukugula nomphanga wakho ulindwe ngomonde ongenambaliso. Umalumekazi wam waseBhayi ke wadikwa yile nto emveni kokusweleka kukamntakwethu ngengozi yenqwelomafutha.

Wayengumdlali webhola owayebalasele kakhulu, wathi nje ukuba akhothame, yamane isiba ngunkqo nkqo ngabafana bengingqi befuna iikoks (izihlangu zebhola) awayedlala ngazo unyana wakhe. Ngenxa yokukruquka, wasuka wayalela ukuba makaziphathelwe azinxibe yena malumekazi bazobona ukuba ziyasebenza. Yaba nguphantsi phezulu kunqandanwa naye phofu ke kugxeleshwe nehlazo eliya kuza noku, phofu ke kungalityalwanga nengxolo eziyibangayo ezo zihlangu xa ubani esihla enyuka ngazo phakathi kwabantu.

Nakulona ke umngcwabo sikuwo unxibe zona owam umalumekazi, umana ke ephuma phandle aphinde angene phakathi beyiloo ngxolo ke, intsinana nokukhuza kwabahlali (ongaziyo ke makabuze kuthi).

Akabethelwa nakancinci kuba yena esazi ukuba ezi zona iikoks zasinda ekuthinjweni lihlabathi. Utatomncinci wam yena emana qho endikhombisa umbungana wedyasi ayithandayo awayeyinxiba ngamaxesha akhe esengumsebenzi eRhawutini. Ndithi kuwe idinwe nje uyijongile kwaye iyazixela ukuba noko kudala iphefumla.

‘Uyabona ke nyana le yona ndoze ndikushiyele yona mhla ndalala obungavukwayo, ifumbethe iintsikelelo kwaye mna nayo sinamabali amaninzi esiwabalisayo. Ndakushiyela yona ke nyana!’

Ngenxa yeentloni ndisuke nditsho ngoncunywana olunyabileyo nolukhatshwa ziintloni, kodwa ndibe ndisazi emazantsi entliziyo yam ukuba andinakuze mna ndinxibe le nto.

Yena ke umalume wam eMonti wandibonisa izihlangu zakhe zexabiso ezihle. Kunene zihamba ke nezinye iimpahla ezibukekayo. Kaloku umfo lo ngamaxesha akhe wayelinene likatitshala elalinxiba ezexabiso zona iimpahla, ngoku ke ekugugeni akafane azinxibe, ukhumbule ke mfundi ukuba unabo noonyana bakhe kwaye ngamafumanankundleni, kodwa utsho bekho ukuba ukufa kwakhe ndizithathe zezam. Bavungama ke bancame, ndibe mna ndincumela ecaleni luvuyo.

Ungacinga yinto encinci ke le yempahla kamfi nomfikazi kwaye ke njengam xa owakuni ekuncoma kwaye esithi uzundiphe yona ubolumka kuba ngentetha ephandle uthi mhla wakhothama komele wazise abakufuphi kuwe ukuba le mpahla yakho uza kuyipha bani.

Kukho abangasabulisaniyo nabayeka kudala ukuncumelana ngenxa yempahla kamfi. Kuba kaloku omnye wasuka wathatha into umfi awayethe aze ayithathe.

Ngomonde ke siyalinda, singathengi nto silindele loo mzuzu ke wokuva ukuba ubani ugulela ukungabikho, hayi ke kuthi qatha engqondweni ukuba nants’ impahla isiza madoda, umana ke ulongolongoza usezela emoyeni ukuba ukugula oku kuyakhula na okanye kuyalibazisa kwaye akulibazisi nje koko kulibazisa umnxilo ngabula maXhosa.

Ungacinga wena oku kuyahlekisa kanti ke akunjalo konke konke. Komnye umzi kwade kwaphuma izidumbu zilandelelana ngenxa yempahla yomntu ongasekhoyo, yangamaqela ngamaqela kanye phakathi embilinini wosapho kusiliwa ngale mini kuthwa kuzochithwa iimpahla ngayo.

Kwaye kwacaca ukuba uninzi lwabantu lugxeleshe iimpahla ezithile, kukho ke nokubuzana ukuba ngabatheni aba baphindaphindayo kwaye kutheni bona bekhetha ooqondile apha kule mpahla kamfi.

Hay ke nantsika imibuzo yaphendulwa ngamanqindi nezithuko. Yanguphantsi phezulu kusiliwa ngempahla leyo yada enye yakrazuka kunzima. Ilifu lokoyika apho lindandela kufuphi.

Ndikhunjuzwa ke zezi koks zinxitywe ngumalumekazi apha kulo mngcwabo sikuwo namhlanje ukuba naye akenzi ngakuthanda tu. Loo nto ndimbona engathi uza kusukuma ngoku ujonge ngasemnyango, ubonakala njengomntu ozakhe athi tsi gxada apha phandle.

Umana elaqaza kwaye ixhala lam kuthe cwaka kumanyelwe kwesa sithethi sokuba kutheni nje silapha (uyayazi ke nalo ebegulile). Ndicing’ uvele ndichwechwe ukubaleka ezi ntloni, phofu ke nam ndinohambo endinalo. Ndifumana ngoku umyalezo ukuba lo wayendithembise ngezihlangu nempahla akukuhlanga kuye kakhulu.

Ugulela ukungabikho phaya esibhedlele eMonti kwaye ungqongwe ngoonyana bakhe. Ndifuna ukufika engekayikhabi ibhekile. Andizifuni iinto ezithethisayo. Kodwa uncede UNGANGENI ANDINXIBANGA!!