Iimpawu zentwaso emntwini

Imizobo nemifanekiso eqingqiweyo kaPaulus Janse waseAlbany Museum

Intwaso ineempawu ezahlukileyo ozinikwa ngabantu bakowenu abalele ukuthula, injongo befuna ufunqule ikhaya lakowenu ngokomoya emva koko uphilise isizwe.

Kwankqu nokunyangwa komkhwetha akufani, kuba oku kukhokelwa zizihlwele. Abanye bathwasa ngokomfuziselo womlambo, abanye ngolwandle, abanye ngehlathi abanye ngemiqolomba.

Oku kuthethwe nguPhathiswa Nesi, oligqirha, nobesisithethi sembeko ngethuba kuvulwa ngokusesikweni umboniso ngentwaso nokuhlwayela kwayo ubugqirha kwiziko lembali iAlbany Museum eMakhanda kuleveki.

Ethetha ngobugqirha uNesi uthe: “Ubugqirha lubizo, awuvuki kusasa uthi ‘ndirhalela ukuba ligqirha’. Ubugqirha sisipho esivela kubantu bakowenu abalele ukuthula.”

“Amagqirha alawulwa ngumoya. Umoya ke yinto ehluzwayo, kuba ekugqibeleni igqirha kufuneka ibengumntu ohlambululekileyo. Awukwazi kuphilisa abantu umoya wakho ungahlambulukanga. Igqirha linyulu kuba amayeza eliwasebenzisayo ngamayeza okuphilisa,” kutsho uNesi.

UNesi uthi ubizo lobugqirha yinto azalwa nayo umntu. “Kodwa noxa nje uzalwe naso esi siphiwo, kufuneka ufumane uqeqesho. Umntu okuqeqeshayo, ngumntu oligqirha. Ukuze igqirha lithwasise, kufuneka libekanti lizihambile izigaba zobugqirha.”

UNesi uthethe ngeempawu zentwaso ekufuneka ziqwalaselwe ngumntu.

“Intwaso iqala ngeendlela ezingafaniyo. Mhlawumbi ubenesigulo esingakwazi kunyangeka ngokwesilungu. Mhlawumbi ubenentloko engapheliyo, ubenamagxa okanye umqolo. Kwabanye ke uye ufumaniseke ukuba izinto zekhaya zisoloko zikulandela, ufumanise ukuba kufuneka wenze imicimbi engapheliyo. Abanye kufumaniseke ukuba banxila kakhulu. Zininzi kakhulu, abanye ufumanise ukuba basoloko bekhalaza ngemali ephelela ezandleni. Abanye bade bave izinto ezithetha ezindlebeni okanye omnye abenomvandedwa oxakileyo.

“Asikokuba bafuna ukuvisa ubuhlungu, koko bayankqonkqoza bafuna ukuba ubahoye. Akukho bantu bakowenu abanokuvisa ubuhlungu,” kutsho uNesi.

UNesi uthi nangokunyangwa, abantu abathwasayo abanyangwa ngokufanayo. Ukunyangwa awuzifuneli, ngabantu abadala abakuchazela ukuba uza kunyangwa njani. Kwanezigaba zobugqirha azifani kuba lowo uthwasayo akazikhetheli, ukhokelwa ngabalele ukuthula.

UNesi uthi ukuthwasa umntu kufuneka akuboniswe naye, angaveli nje axelelwe ngamagqirha.

Injongo yentwaso kukuba ubani aphakamise ikhaya lakowabo kwanabantu abafuna ukuphiliswa, utshilo uNesi.

“Ngamanye amaxesha uyamphupha umntu ozakuthwasisa okanye axelelwe ngumoya wakhe ukuba kufuneka enze njani. Into ebalulekileyo kukuphahla ucele kwababantu bakubonisayo ukuze indlela yakho icace gca!”

Umanejala waseAlbany Museum uManzi Vabaza uthi babone ukuba mabenze lo mboniso nale mfundiso kukuba bafuna ukufundisa uluntu ngobugqirha.

“Sibone ukuba abantu kufuneka bafundiswe ngobugqirha. Enza ntoni amagqirha? Iqala njani intwaso? Izinxibo zabo bazinxiba ngoba kutheni? Sifuna abantu bazi banzi ngempilo yamagqirha ukuze babenolwazi olungcobo,” utshilo uVabaza.

Lo mboniso ngobugqirha udwelisiwe ngezigaba eAlbany Museum, noxa kusavaliwe ngenxa yentsholongwane yeCorona.