Iincwadi eziya kuMhleli

Ndisebenza okanye bendisebenza eVukani Community Radio, ndisitsho njalo andiqiniseki nokuba ndisengumsebenzi walapho ngalo mzuzu.

Indlela esiphethwe kakubi ngayo ngumasitishi singabasebenzi beVukani imbi kakhulu.

Ndingathetha kuse ngendlela embi esiphethwe ngayo, andithethi ngokungabi namsebenzi kwebhodi yolawulo, indlela urhulumente angasihoyanga ngayo kwesi sikhululo sosasazo ingakumbi i-ICASA.

Ndiyabawela ukuthetha ndiveze amanyundululu okuxhatshazwa phantsi kwesandla sikamastishi walapha, ndazama ukucela uncedo kwibhodi andahoywa.

Ndiqumbe ndisisifu ngendlela abasebenzi bezikhululo zasekuhlaleni abaphathwa ngayo, bathathelwa phantsi kwaye badelelekile.

-Umsasazi oqumbileyo, eCala