Iingozi ezindleleni luxanduva lwethu sonke

Amanani eengozi zendlela asandul’ ukupapashwa nguMphathiswa wezoThutho uFikile Mbalula kutshanje abonakalisa ngokucacileyo ukuba ukhuseleko ezindleleni kwiphondo leMpuma Koloni yinto engekhoyo kwaphela.

OkaMbalula usichazele ukuba liwaka elinamakhulu amathandathu anesixhenxe abantu abathe basutywa kukufa ezindleleni eMzantsi Afrika ngethuba leeholide. Amakhulu amabini anamashumi amane anesibini atshabe kwiingozi ezehle kwiphondo leMpuma Koloni.

Oku kuthetha ukuba eli phondo libalelwa kwiindawo ezinobungozi kakhulu kwaye ilelesithathu.

Ngunyaka wesithandathu uqengqeleka lo ukusuka ngo2018, apho iingozi zendlela zithe zanda zisuba ubomi besininzi. Yonke ke le nto ithiwe thaca nguMbalula ifuna uMphathiswa wezoThutho uWeziwe Tikana-Gxothiwe ephondweni abhinqe omfutshane eze neendlela zokuqinisekisa ukuba abasebenzisi bendlela nabaqhubizimoto bayayithobela imithetho yendlela ukuze kuncitshiswe ukufa kwabantu ngolu hlobo.

Uninzi lweengozi lubangwa ngabaqhubi abangakhathaliyo bambi bezihlabe ngobhelu lomsele, iinqwelomafutha ezingekho mgangathweni. Kukwavula zibhuqe ezindleleni zethu, abantu benza unothanda ngokungathi abanaloyiko lomthetho.

UMphathiswa wephondo ngomnyaka ka2018 wayethembise ngelokuba kuya kubakho icandelo elisebenza imini nobusuku lijongene nezaphulimthetho ezindleleni. Sisajonge enkalweni! Amagosa endlela nawo kumele afakwe phantsi kopopolo.

Kukho iingxelo zokuba umoya wawo usezantsi emva kokuba kuncitshiswe iiyure zawo zokusebenza ixesha elongeziweyo. Umbutho ochasayo ephondweni uthi ufake imibuzo kuMphathiswa uTikana-Gxothiwe efuna ingcaciso malunga namaphulo neenkqubo zesebe lakhe.

Masithembe uya kuzithi thaca ezo mpendulo ze emva koko kubekho umehluko ezindleleni. Kufuneka aqinisekise ukuba amagosa endlela ayabonakala ezindleleni maxa onke hayi ngamathuba athile kuphela.

Nokuba oosopolitiki bangathini, uxanduva lushiyeke nabasebenzisi bendlela kwaye kumele badlale indima yabo. Sisothuswe ngala manani kumele sigqithise amazwi ovelwano kwiintsapho nezalamane zabo bonke abathe batshaba ezindleleni.