Iingxaki ezidalwa kukukhulelwa kwabantwana

UKUKHULELWA kwabafundi bamabanga aphantsi ngowona mceli mngeni mkhulu uphazamisana nemfundo yabasetyhini abahlala emaphandleni.

Oku kuvele kwingxelo yeenkcukaca manani kweli loMzantsi Afrika. Amaphondo akwindawo ezingamaphandle ngawona achaphazeleka kakhulu ngulo mkhuba.

Kunyaka ophelileyo, abalelwa ku-473 159 amantombazana athe amitha ayeka isikolo nakubudala obuphakathi kweshumi elinesibini ukuya kwishumi elinethoba.

Kweli nani bangaphaya kwe 140 000 yabafundi abasuka eMpuma Koloni, nekwindawo yesibini emva koMntla Koloni.