Iingxaki zesikolo esigqwesileyo kwiziphumo zebanga leshumi eNgcobo

Isikolo iMcobololo High

Umasipala waseNgcobo ukwiphulo lokundwendwela izikolo zale dolophu kwiinzame zokuphucula iziphumo zokuphela konyaka ingakumbi ezo zebanga leshumi.

Ovela kwibhunga lalo masipala uWandisile Mafufu uthi bafuna ukuncedisana neSebe lezeMfundo ukufumanisa iingxaki ezenza ukuba iziphumo zingancumisi kwaphela.

“Sinqwenela ukuba isikolo ngasinye sibe sikulungele ukufundisa yaye sinazo iincwadi nootitshala size sisebenzisane namasebe ukuzama ukuphucula iziphumo zethu” utsho uMafufu.

Phakathi kwezikolo ezithe zandwendwelwa ngulo masipala sisikolo samabanga aphezulu iMcobololo kwilali yaseChefane. Esi sesona sikolo sihambe phambili kule dolophu kwiziphumo zebanga leshumi apho siphumelele ngomnyinge we85%. Ootitshala nabazali bayiqhwabela izandla le mpumelelo nanjengoko iza phantsi kobunzima.

Esithi thaca kwelibhunga iingxaki abajongana nazo usekela nqununu uCeliwe Magida uthi “Eyona ngxaki inkulu kukungabikho kwenqwelo yokuthutha abafundi nanjengoko uninzi lwabafundi abafunda apha besuka kwiilali ezikude ezifana noMhlontlo, Sandile, Rasmeni nezinye. Ukuhamba umgama omde kwenza abantwana bafike bediniwe yaye bafike isikolo sesingenile abanye bayathyafa bayeke phakathi”.

Kuvakala ukuba ezinye zeengxaki ezombethe esi sikolo kukuqhekezwa imihla nezolo kubiwe oomatshini iincwadi kunye nokutya kwabafundi, ukuselwa kotywala nokusetyenziswa kweziyobisi ngabafundi baye esikolweni benxilile, ukungabikho kwamanzi esikolweni ootitshala banyanzeleka ukuba bawathenge elalini, kunye nokungabikho kwamagumbi oneleyo okufundela. Amagumbi okufundela asemngangathweni mahlanu qha kwesi sikolo.

Nangona kunjalo zonke ezi ngxaki khange zime phambi kokuzimisela kwabafundi nootitshala babo. UMagida uthi bakhuthaza ixesha elongezelelweyo lokufunda kunye nonxibelelwano phakathi kwabafundi ootitshala nabazali.

Uceba wale ndawo uAyanda Gqolontshi uthembise ngesisombululo esikhawulezileyo kwingxaki yamanzi. Ukanti uMafufu uthi baza kudibanisa iintloko nesebe lezemfundo bancedisane ngezi ngxaki ukuze umgangatho weziphumo zesi sikolo uphucuke nangakumbi bakwakhuthaza abafundi ukuba nakulo unyaka baqhube kakuhle.

– isibhalo@inl.co.za