Iinkokeli ezithanda indlela

Khawube nomfanekiso-ngqondweni wenkokeli eyasoloko ityhutyha aph’ esithubeni. Ihleli nje ikho yonke nje indawo. Kubangavulwa le indawo, kubangabanjwa lo umsitho, kubangabhubha lo, kubangazalwa lo, noba yintoni, ikhona le nkokeli.

Isoloko inayo nentetho ezakuyiwisa, isoloko ikulungele nokufota. Ingaba na eso sisikhokelo esisiso? Bambi bangathi ukubonakala kwenkokeli yinto entle kodwa makhe siyiphonononge le ngcingane senze umzekelo ngephondo eli lethu leengqwele.

Xa umntu esoloko esesithubeni inoba ulithatha phi ixesha lokwenza owona msebenzi wakhe? Iingxaki zeli phondo ziqala apho; linelishwa lokukhokelwa ngabantu abasoloko befuna ukubonakala endaweni yokutshona emboneni benze umsebenzi lo.

Akukho kwanto enyanzelisa ukuba abaphathiswa babe besonyuka besehla lonke eli phondo benawo amasekela kwakunye neenqununu zamasebe wabo.

Bekumele ukuba aba baphathiswa bahlala kwiiofisi zabo bakhe baqulunqe imithetho nemigaqo enokuthi iphucule indlela elisebenza ngalo isebe elo akulo.

Emven’ koko umntu acwangcise indlela yokulandelela ngqo ekuqinisekiseni ukuba iinkonzo zesebe lakhe ziyafikelela na kubantu. Siqinisekile abantu bangavuyela ukubona utshintsho neenkonzo zisiza kubo kunokuba babe bebonana nomphathiswa othile ngemini ethile.

Kuyafuneka khe siyitshintshe indlela esisebenza ngayo. Ubuhilihili nodumo ayizozinto zinokusiphathela iinkokeli ezinokwenza utshintsho; inkokeli kufuneka ibonakale ngeziphumo zomsebenzi wayo hayi ngombhaco okanye isuti entsha qho kulo na lo umsitho.

Asazi ke nokuba yinto enokulungiswa njani le ngoba ingulo ufuna eyakhe imizuzwana yodumo phambi kokuba kungene omnye omtsha endaweni yakhe emva kweminyaka emine.