Iinkukhu ezisikwe imilomo, urhulumente uyaqhuba

Amaqela aphikisayo kunye namaxoki angoondaba-zolwimi abangakuqondiyo nangoku ukubaluleka korhulumente owenza izinto elubala bazinkukhu ezisikwe umlomo ngoku ngenxa yeziphumo zengxelo zakutsha nje.

UMongameli welizwe, uMongameli Jacob Zuma, ubhengeze zonke iinkcukacha zeKomishini yoPhando kaSeriti engezityholo zobuqhetseba, urhwaphilizo, ubuqhophololo nokuthotywa kwemali ngemilenze kwisiVumelwano Esikhethekileyo sokuThengwa kweziXhobo.

NgoTshazimpunzi kowama-2011, uMongameli Zuma wabhengeza ukuba uJaji Seriti weNkundla ePhakamileyo yeziBheno, njengoSihlalo weKhomishini yoPhando ngesiVumelwano Esikhethekileyo sokuThengwa kweziXhobo.

Le Khomishini inamalungu aziijaji ezikwizikhundla eziphezulu futhi ezihlonitshwayo nezizingangalala kwaye ezinomsebenzi ongenachaphaza kwezomthetho nobulungisa.

Aba bantwana bomgquba, banenkonzo engenachaphaza bekwaziingqondi neenkcuba-buchopho ezihlonitshwa ngoogxa bazo nabathe babonisa isiphiwo sokukhokela ezingenasiphako kulo msebenzi ungomnye umthwalo owongezelweyo phezu kwalowo wokuba ziingcali zomthetho ezichophela amatyala kwiinkundla zomthetho, bavakalisa ukuba akukho bungqina borhwaphilizo, ukuthotywa ngemilenze kwemali okanye bobuqhetseba kuphando ngesiVumelwano Esikhethekileyo sokuThengwa kweziXhobo. Ityala elalibekwa uMbuso ngamaqela aphikisayo kunye nengqeqana yawo, uTerry Crawford-Browne, lichithiwe yiNkundla yeziBheno.

Umgxeki omkhulu wesi sivumelwano uTerry Crawford-Browne, kunye namaQela aPhikisayo ezopolitiko awazichaza iziphumo zeKomishini njengezigcwele ubuvuvu obuphekiwe ulahliwe lityala ebelise kwiNkundla yoMgaqo-siseko lokuba iziphumo zeKomishini yoPhando ngesiVumelwano Esikhethekileyo sokuThengwa kweziXhobo zibekelwe bucala.

IKomishini yoPhando kaSeriti ibiphanda ngesivumelwano sowe-1999 esaxabisa iibhiliyoni zeerandi kwaye yafumanisa ukuba akukho bungqina bokuba kubekho unyawo lwemfene kwezi zivumelwano.

Urhulumente wayetshilo kwasekuqaleni ukuba uza kukhokela umbuso olawulwa ngokwentando yesininzi osekelwe kuMgaqo-siseko oxabise nokhuthaza ukuqhutywa kwemiba nezinto zikarhulumente elubala.

Uye wavumela iziphumo zeKhomishini kaSeriti ukuba zivavanywe yinkundla yoMgaqo-siseko.

Abantu boMzantsi Afrika ngoku baza kutsho bayazi inyani njengoko kucaciswe kwisigwebo seNkundla futhi batsho bamqonde urhulumente wabo kunye neenjongo zakhe ngokuthenga iziXhobo nokuba inkqubo eyalandelwayo yayiqhutyelwa elubala, futhi bayazi nokuba lo rhulumente uzimisile ukulwelwa ilizwekazi elinoxolo, elimanyeneyo nezinozinzo kunye nokuba iphupha lehlabathi elingcono liyazaliseka.

UMzantsi Afrika uyaziwa, kwaye ukwahlonitshwa kakhulu lihlabathi jikelele njengelizwe elikhokelisa uxolo.

Ngonyaka wama-2000, umbutho wezokhuselo weli waba negalelo elikhulu kumaphulo eMbumba ye-Afrika (i-AU) ogcino-xolo usebenzisa ezi zixhobo zazithengiwe.

Amaphulo ogcino-xolo e-SANDF eDemocratic Republic of Congo, Burundi naseNepal anconywa kakhulu ngumbutho weZizwe eziManyeneyo (i-UN).

Urhulumente weli uyabamameli abemi beli. Uyazibulela iingxelo azihletyelwa ngabo babone izenzo zolwaphulo-mthetho.

Uyawahlonipha amaQela aPhikisayo ePalamente. Ubungqina boku bacaca ngethuba emisela iKhomishini yoPhando kaSeriti ephanda ngesiVumelwano Esikhethekileyo sokuThengwa kweziXhobo ukuze isabele kwizikrokro neenkxalabo zabemi boMzantsi Afrika.

UMnu Terry Crawford-Browne, ebekusele iyiminyaka elandela eli tyala, nguye obekhokela amaqela aphikisayo ngethuba edlulisela iziphumo zeKhomishini kwiNkundla yoMgaqo-siseko apho inkundla yade ekugqibeleni yasiwisa isigwebo ngalo mba ixhasa iKhomishini yoPhando kaSeriti.

Sithemba ukuba amaqela aphikisayo aza kusihlonipha ekugqibeleni isigwebo esiwiswe yiNkundla yoMgaqo-siseko.

*UMuthambi ngumphathiswa wezonxibelelwano kweli loMzantsi Afrika