IINKWENKWEZI

SAGITTARIUS: Nov 23 – Dec 22.

Icala elibi lendlela yokuziphatha liza kuvela ngeli xesha lingalunganga kwaye oku kungakwenza ube lutshaba lesiqu sakho, ukuba singayibeka njalo. Kufuneka uchase zonke iingcinga, nezimvo neendlela ezingentlanga ngokucacileyo nezinentshabalalo.

CAPRICORN: Dec 22 – Jan 21.

Iingxaki zemali zingakuhlasela ngokukhawuleza. Izinto ezinokutyabula ngokwezimali zingazisa uxinzelelo esipajini sakho. Uyacetyiswa ukuba uthintele zonke izinto ezifuna imali ezingeyomfuneko, udambise umthwalo owenziwa ziimeko ongakwazi ukuzilawula.

AQUARIUS: Jan 21 – Feb 20.

Lumka ungatshonisi iingcinga zakho kwizantyalantyala zeemvakalelo. Nangona imicimbi ebuthathaka yakho buqu ikuhlupha, kufuneka ucinge kakuhle kwaye wenze izinto ngendlela entle malunga nemicimbi engemidla yomsebenzi okanye uza kongeza iingxaki.

PISCES: Feb 20 – Mar 21.

Mhlawumbi uyayazi kwaye iyakukhathaza into yokuba kufuneka wenze izigqibo ngezinto zakho zabucala. Lumka ngokugqiba ngento oza kuyenza kodwa ulumkele ukwaphula amalungelo abanye abantu.

Previous article

yinkwenkwe

Next article

Abantu babhenela koosiyazi!

SHARE