Iintaba zikho ngesizathu!

Sondela kwiilali zamaXhosa, into yokuqala oza kuyibona neza kuba ngumbono omhle, kukuthi thande kwazo kakuhle phantsi kweenduli okanye iintaba eziphakamileyo.

Kaloku mawethu intsha le nto yokuhlala kwabantu kwiindawo ezimthebelele. Thina sikhula umXhosa engafuni nokuyibona into yokuhlala kwindawo esisithabazi.

Oku ke kwakuhamba nezizathu eziliqela, kuquka phakathi kwazo ukhuseleko kwimozulu enokuza ngamandla, ukusinda kukhukuliseko lomhlaba nakukuphuphuma kwemilambo.

Ukanti ke, ukuhlala endulini nakumazantsi entaba, kunceda nakwimeko yokuba utshaba oluhlaselayo kungabi lula kulo ukufikelela emizini.

Ndiqinisekile ukuba sikukhumbula kakuhle ukoyiswa nokutshatyalaliswa kwemikhosi kaTshaka kaSenzangakhona yileyo kaMoshoeshoe, owayezikhusela nemikhosi yakhe bethe ngcu phezu kwezo ntaba zeThaba Bosiu neMaloti kwelo laseLesotho.

Ngaphezu kwazo zonke izizathu, esona sizathu sobukho bentaba, kukuba nguvimba wamanzi kwazo. Imizi esezantsi kwentaba ayinakuze ithwaxwe lula yimbalela, kuba ukunqongophala kwamazi ezintabeni asinto iqhelekileyo.

Kungoko ke mawethu xa ubani efika ezidolophini ebona ummangaliso obuhlungu wentlondi ejoliswe kwisizwe esintsundu. Kwiidolophu ezifana nePitoli; iKapa, iBhayi nezinye eziliqela, kubuhlungu ukubona umntu ontsundu ehlaliswa kwiindawo ezithe tye nezixhaphazeka lula ziimozulu ezikhatshwa zizaqhwithi nezikhukhula, babe abantu basemzini behleli kamnandi ezindulini nakumazantsi eentaba bekhuselekile.

EPitoli ufika abantu bakowethu bebekwe kwisithabazi sendawo koomaMamelodi nakoomaAtteridgeville, babe abantu basemzini bethe ngcu ezindulini komaWaterkloof. EBhayi iindawo ezifana neWalmer, Blue Water Bay neForest Hill zichophe kuhle ezindulini, kuze ukusuka eNew Brighton, ugqithe uZakhele uye kuma ngeMotherwell, zonke ezo ndawo zibekwe kwisithabazi esingakhuselekanga.

Hayi ke bambelela hleze uwe kweso sichopho uthe ngcu phezu kwaso xa ndikuzobela intlondi yesixeko saseKapa! Xa ungena kwesi sixeko, ufika abantu basemzini, ingakumbi abo bantetho iyi-Afrikansi, behlala kuhle kwezo ntaba zeSir Lowry`s Pass ngaseSomerset; besezantsi kweHelshoogte neSimonsberg eStellenbosch, kunye nakwiHawequa neOuteniqua kwabaseWellington nasePaarl.

Ngena kule dolophu ke ngoku, ufika abantu basemzini abantetho isisiNgesi uninzi lwabo, luhlala phantsi kweNtab`etafile (uZixesha ngesiXhosa), ukuze iindawo zabantu abantsundu, ukusukela kwaLanga, ugqithe iGugulethu; iNyanga; iKhayelitsha; iKayamandi ukuya kuma eMbekweni; zibekwe zathi rhwelele kwisithabazi esityenenezileyo esibhuqwa luthuli lwentlabathi umhla nezolo. Izandyondyo zeemvula ziyikhukhulise loo mizi kuthi saa kalusizi!

Kungani na mz`ontsundu nivinjwe ilungelo lokuhlala ngokohlobo enaboniswa ngalo ngookhokho benu? Kungani na nto zakuthi ukuba impilo yethu ibekwe esichengeni ngolu hlobo?

Xa kunje sinqandwa yintoni ukuba singagoduki thina basezidolophini siye kwintlalo yethu yasezindulini nasezantsi kweentaba eyayikhuselekile ithamsanqelekile, kungenjalo ke sililwele nathi ilungelo lokuhlaliswa kakuhle njengabanye? Kaloku ukuthamsanqeleka kwentaba nezi nduli thina sikwazi ngezi zibakala zikhankanywe ngasentla apha, kodwa elona thamsanqa lelo lokunqula sithethe namanyange noSombawo kwezi nduli nakwezi ntaba. Mawethu kwiphondo leNtshona Koloni kukhalwa ngembalela efuna ukugqugqisa. Kanti iNtaba yeTafile uZixesha lo yenzelweni?

Baphi na oonyawontle; iinkosi namaphakathi oluntu, kunye noomama bomthandazo khe banyuke kule ntaba baye kuthandaza ukuze imvula ine. Kwekhu! Ndilibele kanene ukuba kule ntaba, uthi ukuze uye kufikelela phezulu urhume, kungenjalo ukuba ubetha ngezikaTshiwo, unge ungafumana ukuphangwa nokuhlaselwa.

Ezethu iintaba neenduli ezifana neNtaba kandoda kwelikaRharhabe, apho kulele khona uJongumsobomvu nabakowabo; induli yaseBumbane apho umntwakaDalindyebo alele khona nabakowabo; uKhahlamba; iMaloti; Amathole; uPhungela; uBelekezana; uLukhanzi neNkonkobe, sikhula izintaba zokuthandaza, iintaba zokunqula kutsho kubhange imbalela, kuphele indlala, kunyangeke izifo ezingoobhubhane, kutsho kugqube ithemba kwiindawo esihlala kuzo.

Linye mawethu, iintaba zikho kwaye zikho ngezizathu. Ingxaki ke nokuba asifuni kuvuma, ingathi thina bantu bale mihla, sithi nokuba sele sinyukile saya kuthandaza, sibuye nemband`esikhova! Thixo Sombawo senzeni na!