Iinzame zokuncedisana nolutsha

Kwiinzame zokulwa izinga eliphezulu lokulwa intswela-ngqesho kulutsha lwephondo leMpuma Koloni, isebe lokuhlaliswa koluntu lisungule inkqubo eza kuthi ijongane nokwakha ulutsha.

Le nkqubo yeli sebe iluhlobo apho eli sebe lisabela ngalo nelingenelela ngalo ekuphuhliseni ulutsha lweli. Othethela eli sebe uLwandile Sicwetsha uthi, ulutsha naluphina lungayithabatha inxaxheba kule nkqubo.

“Urhulumente weli lizwe ukwazile ukuyibalula imiceli-mngeni yoluntu lweli lizwe nalapho izinto eziphambili yintswela-ngqesho, yindlala egqubayo, kwakunye nomakulinganwe. Ulutsha lweli lukumyinge ka-37%.

Bamalunga ne42% abantu abatsha abangaphantsi kweminyaka engamashumi amathathu abangaphangeliyo xa kuthelekiswa ne-17% yabantu abadala abangaphezulu kwamashumi mathathu eminyaka.

Ulutsha lweli olungaphangeliyo kweli phondo leMpuma Koloni ibelelona liphezulu kunabantu abadala phakathi konyaka ka-2008 ukuya ku-2014,” utshilo osisithethi seli sebe uLwandile Sicwetsha.

Uthi kwangalo eli thuba izinga lolutsha olungaphangeliyo lonyuke ngomyinge ka-3.1% logama loonyuke ngo-1% kubantu abadala.

Lo nto yenze ukuba icandelo lengqesho iyonke ku-2014 kwiincukacha-manani zeli ngo-2014 zib eku-40.7%. Ezi nkqubo zijolise ekuphuhliseni ulutsha, zinkqubo apho eziza kutyhutyha kwiphondo lonke leMpuma Koloni.

Umphathiswa weli sebe uHelen Sauls-August uza kube enolutsha malunga nala maphulo e-Alivani ngomso kwilokishi yaseDukathole ukusukela ngentsimbi yethoba kusasa.