Ikamva labantwana abazalelwe entolongweni

Ngabantwana abangamashumi amane abazalelwe kwiintolongo zeli leMpuma Koloni phakathi konyaka ka2010 no2016 ngenxa yokuba oonina babo beseluvalelweni.

Ingxelo yesebe leentolongo ithi aba bantwana bagcinwa kumaziko entolongo bade bafike kwiminyaka emibini ukuze bagqithiselwe kwezinye iinkqubo zikarhulumente, lo gama oonina badontsa isigwebo.

OnguMkomishinala weentolongo kweli leMpuma Koloni uNkosinathi Breakfast uthi isebe lakhe lineenjongo ezintle ngaba bantwana.

“Ukusukela ngonyaka ka2007 sithathe isigqibo sokuba amakhosikazi afumana abantwana entolongweni badityaniswe kwindawo enye, ngoko ke bonke aba bantwana bagcinwa apha eMonti kuba sifuna bafumane amalungelo abo,”utsho uBreakfast.

Uhambisa athi, baneenjongo zokuba kwakhiwe iziko elizakujongana ngokukodwa naba bantwana behleli kunye noonina babo.

“Xa befike kwiminyaka emibini bagqithiselwa kwisebe lentlalontle ukuze bafundiswe isikolo nezinye iindlela zokukhulisa umntu,” ucacise watsho uBreakfast.

Aba bantwana basuka kumaziko eentolongo afana neKomani, Kirkwood, Mthatha kunye neBhayi, itshilo ingxelo. Isebe lentlalontle kuzwelonke limisele iphulo lokukhusela abantwana ngempelaveki egqithileyo kwiphondo lase- Mntla Ntshona.

Othethe egameni lela sebe kuzwelonke uLumka Oliphant uthi abuhlungu amabali abantwana kweli loMzantsi Afrika.

“Kwaba basezintolongweni singenelela emva kokuba isebe lentolongo lenze ezalo iinkqubo zangaphakathi, size thina sibagqithisele kumaziko okukhulisa abantwana ngendlela eyiyo,”uthethe watsho Oliphant.

Isebe lentlalontle kuzwelonke lithi liphumela nangaphandle kwelizwe loMzantsi Afrika benceda ezi ntsana.

“Amazwe anamakhosikazi weli akhulelweyo ezintolongweni zawo aye anxibelelane nathi esithi kukho inkosikazi yaseMzantsi Afrika ekulo ntongo, size ke singenelele,” ucacise watsho uOliphant. Uthi amazwe ahlukileyo kwihlabathi anemithetho yawo eyahlukileyo ngalo mcimbi.

“Amanye amazwe amgcina umntwana ozalelwe entolongweni isithuba senyanga okanye ezimbini ngokwahlukana kwawo, thina siye senze uphando size ke singenelele sincede umntwana lowo,” utshilo uOliphant.

Uhambisa athi, oonina baba bantwana baye bacebise ukuba umntwana makanikwe bani xa efika kweli loMzantsi Afrika.

“Amasebe ahlukileyo karhulumente azakusebenzisa le veki esenza iinkqubo ezahlukileyo zokukhuthaza ukukhuselwa kwabantwana,”utsho uOliphant.

Unyaka ka 2011 ngowona nyaka ubenabantwana abaninzi abazalelwe kwiintolongo zeMpuma Koloni ngabantwana abalishumi elinanye.