Ikamva lemfundo

Kule veki iphelileyo sikhe sangqubana noshicilelo lomfundi, oyintombazana, waseThree Rivers kwiVaal ophakame kwidesika yakhe wayokubetha utitshalakazi wakhe ngencwadi.

Utitshalakazi yena uphume waphela kwelo gumbi emva koko. Kulo nyaka uphelileyo sakhe sathi gqi ngolunye ushicilelo apho utitshala wayebethwa ngumfundi ngomtshayelo; wambetha waphuma kulo klasi wayokubethelwa naphandle.

Umbuzo wokuqala ngowokuba ngabantwana bakabani aba? Bakhuliswe njani?

Izimvo zoluntu kumakhasi onxibelelwano kumnatha zigxeka abazali, bambi bathi ‘akwaba bendinguloo titshala ndizokumqhekeza loo mfundi!’

Kusenjalo kuthe gqi nelinye ibali letitshalakazi ebhantswe ezimpundu ngumfundi oyinkwenkwe. Utitshalakazi lowo uphendule ngenkunzi yempama zisuka. Qash’ qash’ ngubani oyena osengxakini kwesi sibini?

Ngutitshalakazi. Hayi inkwenkwe le ibiphatha iimpundu zomntu omdala eklasini.

Mininzi neminye imizekelo yabantwana ababetha ootitshala. Yonke le mizekelo isikhumbuza aba bafo bakula cawe yakwaMancoba eNgcobo; xa besithi abantwana mabangayi esikolweni, isikolo sisigqubu sikaSathana. Nangona singavumelani nabo kuyafuneka iqwalaselwe imingeni yakutshanje ezikolweni. Abantwana bayela ntoni esikolweni?

Ukufunda ukuze ngenye imini bafumane imisebenzi. Ingaba ke azikabikho iindlela ezintsha zokufundisa abantwana izakhono ukuze bakwazi ukungena emisebenzini zisuka?

Umzekelo kukho izikolo ezifundisa abantwana ukuba zizithethi, ukuphatha amashishini, njalo njalo kodwa kwa-ezo zikolo azibafundisi ukwenza nto. Zibalungiselela ukuba nolwazi qha; le nto bathi yingcamango kuphela. Kanti kuyafuneka sonyuse umthamo wokufundiswa kwabantwana ukwenza ngaphezu kokunkinkishwa ngolwazi lodwa.

Aba bantwana baphuncukelwa zizimilo ezikolweni, aba sibabona kumnatha, luphawu lwekamva lwemfundo. Kuza kufuneka sicinge nzulu ngeendlela ezintsha zokuhlohla ulwazi nezakhono ebantwaneni.

Mhlawumbi ixesha lokuhlala kwigumbi elinye nabanye lifikelele esiphelweni? Yintoni ezayo? Abanye sebeqalile ukufundiswa ekhaya qha, abanye bafunda kumnatha qha, abasayi kwisakhiwo sesikolo. Mhlawumbi ingxaki zesebe lezemfundo ayizozikolo kodwa yindlela yokufundisa entsha?