Ikhankatha yindoda emaxhaka ziimpawu zobudoda

Uninzi lwabantu kule mihla umcimbi wekhankatha bawunikela kumntu wokuhlalisa nokugada abantwana ebhomeni, mhlawumbi wokubakhusela kwizinto zasendle ezinobungozi nokubanyanga baphile.

Le ngcamango yenza ukuba nabani na owalukileyo osempilweni abe angalikhankatha. Kule mihla yeendlala neembandezelo amakrwala nabafana abangaphangeliyo bazenzela imali ngalo msebenzi, ingakumbi ezidolophini. Kanti ke ngokwemveli ikhankatha asimntu uqeshwa ngeqhosha elingenantunja.

Liwongwa ngendwe likomkhulu nakukuhlala ngokuvelisa amadoda angawo, limana ukuphoselwa le naleya ngamadoda okuhlala anezinto. Ngamanye amazwi ikhankatha yayisayakuba ngumntu wesizwe, nqwa nengcibi.

Umthetho osayilwayo ngezolwaluko uthi ikhankatha kufuneka ibengumntu osele olukile nominyaka ingekho ngaphantsi kweshumi elinesibhozo ezelwe!

Oku kubonisa ukuba abaqulunqi balo Mthetho nabo banale ngcamango itenxileyo ngekhankatha. Andazi abayiva na intshumayelo yemihla ngemihla kaNkosi uNgangomhlaba ohlala eyikhalima into yokukhankathisa abantwana.

Wazini ngobudoda umntwana oneshumi elinesibhozo ubudala? Ikhankatha liqina lendoda enomzi nomfazi nabantwana, hayi umfana weentombi.

Yindoda elongamele kakuhle usapho lwayo nengumfaneleko nesibonelo ekuhlaleni. Yindoda enamava ngezobomi, ngezinto zesizwe nembali yaso neyezizwe ezisingqongileyo nezikude.

Ikhankatha yindoda emaxhaka ziimpawu zobudoda, indoda engumzekelo nekungathi isizwe khe sanjengayo sonke singasisizwe esihle nesinqwenelekayo.

Nawuphi na umfo nokuba ngumfokazi ongenazo ezi mpawu akanakuba likhankatha elifanelekileyo, akanokwenza madoda angawo akugqiba ukungabi yindoda yena kuqala.

Abafana baleqa ukuba ngamakhankatha kuba benonelele ukubukwa nokubekwa ezimbekweni mhla ngomgidi!

Kanti ke mininzi imisebenzi yabafana ekuhlaleni enokubanika iwonga lokuba ngabafana ababukelekayo, hayi eli lezidlo zomgidi.

Iwonga elikukudla asiwonga kuba ngomso likutshushisela ukuba uye kulilahlela ngasese, kanti lona iwonga eliliwonga lihlala iminyaka nasemva kwakho sele ungasekho ebomini.

Ubukhwetha yindawo yokugqibela yokuthi umntwana nokuba ebesele eyintoni na abe unokujikwa abeyinto ekufuneka yona esizweni. Yindawo yokuphuhlisa amadodana ukuba abezezo nto adalelwe zona njengoko wonke umntu ephuma esizalweni sikanina efumbethe ikamva lakhe.

Uthi nokuba umntwana ubephume efumbethe isihogo kubelapho sinokukhutshwa khona ukuze kube nokuphilwa naye.

Ukuba indodana iphosakele ke ukuphuhla ebukhwetheni iyakuphuhla ngezikasibi ngaphandle.

Ukungabuyi kwabantwana ebukhwetheni nokubuya kwabo bekumila kumbi kungenxa yobutyhakala kumakhankatha akhethwa ngabazali.

Ikhaya kumele licinge nzulu ngendoda eliyityumba ukuba ibengumqingqi wabantwana balo, ligxile koko likunqwenelayo kumntwana lowo.

Xa ikhankatha lingumntu wokwenyani, akukho namnye umntu omele kufika amise nantoni na emkhwetheni ingakhange ibe igqithe kulo, nditsho nososuthu nakakade uqala kwikhankatha ngeenguqu azibona zifanelekile ekhwetheni.

Aba bantwana bakhankathiswayo ke ngoku kucingwa ukuba bawathatha phi amava anje?

Kukangako ke besuka babaphathe gadalala nje abakhwetha; izihiba zezitunxa zamatyutyusi ezifuna ukuziva amandla nokuzizuzela uzuko kubantu abangena kuzilwela!

Akuphazanywa ukunganikwa komkhwetha izixhobo zokuzilwela ngamaxa kaxakeka, kungokuba akumele kubakho nto ilwisayo ebukhwetheni xa kubhadliwe, kwaye umkhwetha akamele kuzixakekisa nangayiphi na into ingekuko ukufunda ubudoda.

Kukhankathiswa amapantsula ze kulindelwe amadoda, ngoba? Kukhankathiswa indoda kaloku ukuze kuphume indoda!

Le yokuba nabani na owalukileyo ominyaka ilishumi elinesibhozo nangaphezulu angalikhankatha bubuhiba obuphindiweyo.

Indoda yindoda ngezenzo, hayi ngolwaluko nje kuphela. Baninzi abolukileyo abasilela ngokumandla ebudodeni.

Likhangeleni ngomonde nangenyameko ke ikhankatha mzi wakowethu. Wagxotheni amakrwala nabafana ekhwetheni kuba abanamsebenzi ulapho.

Goba msenge iibhokhwe zikutye! Owenu kwisiXhosa, Nxuba