IKholona ayinamkhethe!

Umhla nezolo, kwimijelo yeendaba ngokubanzi, ayikho enye into ekuthethwa ngayo ngaphandle kwesifo esibizwa iCorona ngolwasemzini, gama elo sinokuliguqulela ngqo esiXhoseni thina maXhosa angakwazi kubiza isandi * ‘r’ ngelithi sisifo iKholona.

Kodwa ke xa usijongile esi sifo okanye intsholongwane yeKholona, asiphelelanga nje ekugawuleni abantu abathile njengoGawulayo ophele esayanyaniswa nabantu abathile ngezizathu ezingaziwa mntu, koko le Kholona igqugqisa nabani na, naphi na, kungoko sinakho nokuyibiza ngokuba sisifo uGqugqisayo.

Kaloku izifo ezininzi ezifana neeCholera (urhudo olubulalayo), iMalaria (icesina le ibangwa ziingcongconi), iTuberculosis (isifo sephepha okanye iTB) nesifo samandulo iSmallpox (ingqakaqa), ixesha elininzi bezisayanyaniswa namazwe angatyebanga okanye angenaqoqosho lukumgangatho ophezulu, ingakumbi amazwe akwizwekazi lethu le-Afrika.

Ingqakaqa le nayo xa uphanda nzulu ngayo, uya kufumanisa ukuba yayisisifo esosulelayo, sisuka komnye umntu, sisiya komnye xa abantu besondelelene omnye komnye, waze omnye wakhohlela okanye wathimla esosulela omnye ngokufanayo nale Kholona inguGqugqisayo.

Ingqakaqa ke ayizange ihlale xesha lide, yathi ngoku inobungozi kwaye ibagqugqisile abantu, afumaneka amachiza okuyinyanga nokuyinqanda.

Ndisatsho ukuba nalo Gqugqisayo weKholona, naye useza koyiswa.

Okubalulekileyo kukuba iinzululwazi zonyango, amagqirha noosiyazi, basebenze nzima kuvele ichiza.

Ichiza ke mandulo belivela lula xa izizwe ngezizwe ziba moya-mnye, kunyukwe intaba, umntu anqule okanye athandaze kuThixo wakhe, ngoko nangoko kuvele impendulo nesisombululo.

Ngelishwa lomhluzi wamanqina ke, kweli ityeli badanile abanyembi be-Afrika, kuba intsholongwane kaGqugqisayo ayinazingcambu ziseAfrika, kangangokuba noninzi lwabantu abasele bechaphazeleka sesi sifo, ayingoma-Afrika ase-Afrika.

Ngokobalo-manani, kuphawuleka ukuba elona lizwe lichaphazeleke kakhulu kwihlabathi liphela, lelinye lamazwe aseYurophu, nelibizwa ngokuba yi-Ithali.

Nalapho ke, amavez’andlebe alala engatyanga ayibeke yacaca into yokuba abantu bokuqala ukubhaqwa ukuba bachaphazelekile okanye bosulelekile yintsholongwane kaGqugqisayo weKholona, ibe ngabantu abasuka kwizwekazi i-Asiya, izwekazi labantu abafana namaTshayina, amaJapani, amaKhoriya, amaKhambodiya nezinye izizwe eziliqela.

Kukwaphawuleka ukuba ukwanda kukaGqugqisayo kubangelwe luthungelwano lwabantu besuka kumazwe ngamazwe, ingakumbi abo bebetyelele kungenjalo bengabakhenkethi kumazwe ase-Asiya, besuka kumazwe aseYurophu, eMelika nase-Afrika.

Aba batyeleli nabakhenkethi ke, bathe xa bebuyela kumazwe okuzalwa, babuya sele bethe qhiwu ngemizimba yabo esi sifo, phofu ke nabo bengazi ukuba babuyela kumazwe abo bephethe isifo esiza kuchaphazela, sosulele okanye sigqugqise abantu abaninzi.

Nangona uninzi lwethu luqale ukothuswa sesi sifo xa kusongwa inyanga yoMqungu, izizwe ngezizwe zehlabathi zaziswe ngobukho besi sifo emini emaqanda, ilanga lihlabe umhlaba, mhla uMlawuli Jikelele woMbutho wezeMpilo weHlabathi (World Health Organisation) epapasha kwinkomfa yoonondaba bamazwe ohlukeneyo, ngomhla wama-31 kwinyanga yoMnga ngo2019, echaza ngesifo iKholona esinobungozi esiza kuchaphazela sigqugqise ngokungakhethiyo kwihlabathi jikelele.

Okothusayo ke kukuba xa esi sifo besele sibonwe kwangenx’engaphambili sisavela ziingcali zophando kwicandelo lezempilo, kungani na ukuba kube kungona kuphakanywa ngoku, kube kungona kukhangelwa iindlela zokusinqanda nokusinyanga esi sifo? Kukho ke nabathi kunababhali abakhe babhala ngesifo esizayo kwiminyaka engaphaya kwama-20 edlulileyo, bechaza ukuba sisifo esiza kosulela ngokhohlo-khohlo neempawu zengqele, ingxaki ke nabo abo babhali abazange bahoywe kuba kakade uninzi lwabantu asinto luyixabisileyo le yokufunda iincwadi, kungenjalo ke, nangona babeprofetha, abazange bananzwe kuba nabaprofethi abakhe basibonisa impalalo yethu abafana nooNtsikana kaGabha, abazange bananzwe.

Nindive kakuhle mawethu, andithi ndiyavuya kuba ukuvela kwesi sifo, ngokungafaniyo nezinye, akwayanyaniswa kakhulu nezwekazi lethu elihlala linyenjwa lijongelwe phantsi, koko ndithi, kweli ityeli, uQamata uMvelingqangi uthethile, nathi mz’ontsundu sakhe asabi natyala, kwakho isifo esinguGqugqisayo esingakhonjwa kuthi, koko nathi sisiphathelwe ngabo basuka kula mazwe ahlala exatyisiwe.

Umnqweno nomthandazo wam ngowokuba kukhe kuvele nobungangamsha bethu ma-Afrika, kwa-ichiza eliza kuba sisisombululo kulo Gqugqisayo weKholona, livele e-Afrika.

Phakamani ke ngoko magqirha, boosiyazi, maxhwele, bathandazeli abahlahlubayo, bapolofithi bakowethu, izangoma nkqu neZanuse, nize nechiza ukuze esi sifo singagqugqisi kuphele kuthi nya!