Ikhuphisana kumabonakude imvumi yaseMthatha

SIyanda mona

IZA kuthabatha inxaxheba kukhuphiswano lukamabonakude imvumi yaseMthatha eyenza umculo wohlobo lweRap ngolwimi lwesiXhosa.

USiyanda Mona oneminyaka engama-23 nowaziwa ngelikaMikkie Somaqhuzu waseZimbane, eMthatha, uza kuthabatha inxaxheba kukhuphiswano lwenkqubo kaSABC 1 uOne Mic.

USomaqhuzu ungomnye kwisithoba seemvumi zohlobo lomculo weRap ezisuka mbombo zone zoMzantsi Afrika ezityunjwe ukuba zithathe inxaxheba kule nkqubo kamabonakude.

Le mvumi ithi ichulumancile zezi ndaba.

“Ndivuya gqithi kukutyunjwa njengomthathi-nxaxheba kule nkqubo, phakathi kwamawaka ngamawaka eemvumi ezithe zafaka izicelo zokungenela,” utshilo.

“Kaloku ndisoloko ndikhangela iindlela ezahlukileyo zokubeka umculo wam, nesiXhosa sakuthi emanqwanqweni,” yoleke ngelo lemvumi.

USomaqhuzu uthi wohlukile kwabanye abathathi-nxaxheba abakolu khuphiswano.

“Ziintlanzi elwandle iimvumi ezithetha isiXhosa kodwa zenze umculo weRap ngesiLungu. Mna, ndithetha isiXhosa kwaye ndenza umculo weRap ngesiXhosa. Nto leyo inqongopheleyo kwezi ntsuku,” utshilo.

Le mvumi neyaqala ukwenza umculo ine13 leminyaka, inecwecwe elineengoma ezisi-7, elithi Andikalibali.

“Umculo wam awunamposiso. Ubalisa amabali am okusokola ukungena emculweni, uneliso nelizwi kwimmo yentlalo, unenkuthazo kwaye zonke ezo zinto ndizivakalisa ngolwimi lwam lweenkobe.”

Uthi “Umculo luthando lwam lokuqala. Kwaye andiziboni ndisenza enye into ngaphandle kwawo.”

Isizini yesibini yale nkqubo kamabonakude iOne Mic, apho aza kuvela khona uMikkie Somaqhuzu, iza kulandela emveni kwempinda yesizini yokuqala nedlalayo sithetha nje kuSABC 1 ngentsimbi yesithandathu emalanga, rhoqo ngoLwesine.

Le sizini iqale ngomhla we19 kweyeKhala.