Iloli intlitheke kumzi

Imoto ebiqhutywa nguLoyiso Mafundityala etshayiswe yiloli kuN2 eGcuwa

LUNYEMBEZANA usapho lelali yaseZingqayi eGcuwa emva kokuba iloli etshayise iimoto ezintathu kuhola wendlela uN2 ngoLwesibini emva koko yaqengqeleka yayokuntlitheka kumzi wolu sapho yashiya abantwana abane bengxwelerhekile.

Le ngozi yenzeke kufuphi negophe elingakwityalike yakwaMndayi eZingqayi.

Iingxelo zithi le loli igile iimoto zantathu kulo hola wendlela phambi kokuba ikhalale umgaqo iyokuntlitheka kwindlu apho bekuhleli abantwana. Le loli ifike le ndlu inabantwana abasixhenxe, babe abazali besathabathe uhambo.

“Ndifowunelwe ndisedolophini eDutywa, kusithiwa mandikhawuleze nantso indlu yakuthi intlithwe yiloli. Xa ndifika nantso iloli kumzi wasekhaya.

“Umntwana wasekhaya oyinkwenkwe (Luniko) ndifike ephantsi kwale loli. Abanye abantwana abangamantombazana abathathu nabo bathe bonzakala, abanye emilenzeni logama abanye bonzakele ebusweni,” kutsho uZandile Ntonintshe, ongumakazi wabantwana abonzakeleyo.

Abantwana abathathu bathe basinda kule ngozi.

Iinkcukacha zokuba bangaphi abonzakeleyo kwezi moto zitshayiswe ngulo mqhubi weloli bezingekagqibeleli ngethuba sibhala eli nqaku. Akwazeki ukuba ungakanani umonzakalo kumqhubi weloli.

UNtonintshe uthi bakhathazekile sesi sehlo esenzeke kwiintsukwana phambi kokuba kuvulwe izikolo. Abantwana abonzakeleyo bachazwe njengoLuniko Sodiza (18), Aviwe Sodiza (7), Asange Madondile (8) noBukho Madondile (3).