Ilungelo Lokuziphendulela

Kwikhasi lephephandaba lenu lomhla we 2 eyoMdumba 2017, lacaphula kwintetho endayenzayo ngodidi lukatitshala (onqwenelekayo) ezikolweni zethu.

Isebe lisoloko likhuthaza ukufaneleka kwabasebenzi ezi ofisini nasezikolweni, kuquka oku kulandelayo:

1. Ukubanjwa kwexesha (punctuality),

2. Ukusebenza ngokuzithoba nembeko rhoqo,

3. Ukukhuthala nokuzinikela ngaphandle kwenjongo-nzuzo,

4. Indlela yokuziphatha ekholisayo ingenachaphaza, kunye

5. Nenkangeleko engqamene nokunikezela iinkonzo eluntwini kungekho mkhethe.

Ezi ziziseko eziluqilima kwimpumelelo ekunikezeleni iinkonzo zesebe eluntwini ngokubanzi njengoku kuqulathwe kumqulu karhulumente weBatho Pele.

Kanti ke ngokomgaqo-nkqubo wokuziphatha kubasebenzi bakarhulumente (Code of Conduct for Public Servants), kwisolotya eligxininisa kwindlela elindelekileyo yokusebenza, umsebenzi ”uyaqinisekisa ukuba umsebenzi uwenza ngexesha eliqingqiweyo; kwaye uwenza lo msebenzi ngokukhathala nokuzimisela”.

Kwelinye icala, i-Service Charter ka2014 yeSebe LezeMfundo Esisiseko, imigqaliselo yokusebenza igxininisiwe ukuqinisekisa ukuhoya abantu; nokulandelela izikhalazo ngokukhawuleza.

Kwakhona, ukwenza umsebenzi ngokusesikweni, umsebenzi ulindeleke ukuba anxibe aziphathe ngendlela ephakamisa isidima senkonzo yomsebenzi. (Personal Conduct and Private Interest – An employee, during official duties dresses and behaves in a manner that enhances the reputation of the Public Service. Code of Conduct for Public Servants – Chapter 2, Public Service Regulations, 1 July 1999)

Kungelishwa ukuba imizekelo endiyisebenzisileyo entethweni yam, echasene noku kungentla, yanikwa ukugqama ukwedlula undoqo womxholo.

Nangona ndanikezela imizekelo engokunxaxha nokutenxa kwinkangeleko nesinxibo, andizange ndikhankanye gama lamntu okanye lesikolo.

Ukungqamanisa umxholo wentetho yam, ndakhankanya igama lenqununu yesikolo endandifunda kuso, yena owaba nefuthe nesikhokelo kubomi bam bonke.

Imfundiso zakhe ezakhayo zisandikhokela nangoku ebomini bam. Lowo ke nguMnu DV Mapisa, owayesakuba yinqununu yaseLangelitsha HPS eMdantsane. Waye gxininisa ukubanjwa kwexesha, ucoceko, ukufaneleka kwisinxibo, ukusebenza ngokuzinikela, nokuba impumelelo iyasetyenzelwa.

Ndisoloko ke njalo ndihlab’ ikhwelo kwimihlangano nabasebenzi besebe ukuba silandele imizekelo yooBawo uMapisa, nto leyo inokubuyisa isidima nesithozela kubutitshala nakubafundi njengobizo.

Ukuba kukho bani ongaphathekanga kakuhle yimizekelo yam eyavakala ikukuqhula: ndithi ngxe! Ibingeyo njongo yam ukujongela phantsi nabani na.

Enyanisweni, ibukukuphuhlisa ibuya-Mbo: ukuzimisela, nokuzinikela ngokupheleleyo kulo msebenzi ubalulekileyo esizweni, ubutitshala.

Enkosi

Mandla Makupula MPL

Mphathiswa Wezemfundo eMpuma-Kapa