Imali yegranti mayinikwe iintombi zenkciyo

Iintombi nto zenkciyo

“Imali yesibonelelo segranti enikwa amantombazana afumana abantwana ngenxa yokungasebenzisi zikhuseli, mayithathwe iye kunikezwa amantombazana enkciyo njengenkuthazo yokuqhubekeka nokuzigcina!” La ngamazwi kaSihlalo weNdlu yeeNkosi, uNkosi uMwelo Nonkanyane kuLwesihlanu esiphuma kuye Komkhulu kwilali yaseBaziya xeshikweni kuqhutywa umcimbi wokubhiyozela inkciyo nobuqhutywa yiNdlu yeeNkosi.

Umyalezo walo msitho ubusithi “sikhuthaza ubunyulu kwizizwe zethu, sakha ikamva eliqaqambileyo.”

Lo msitho ubuzinyaswe zintombi eziphuma kwizizwe ezahlukeneyo kuquka neOR Tambo. Iintombi ziwuqale umsitho ngokuya kuhlamba kumlambo uMbhashe xa kuqhekeka ukusa, ze zaya Komkhulu kwaJoyi nalapho zifike zamkelwa yiNkosi yendawo ngokubahlabela inkomo, isongeza kwisithathu ebesixhelelwe lo mnyhadala.

Bezikhuphisana ngemixhentso, ziqhayisa ngezo zinxibo zimbejembeje ngokokohluka kwazo ngokwezizwe.

Esinye sezithethi, uNkosi uNgangomhlaba Matanzima, ugxeke kanobom abo bajongela phantsi bekwagxeka inkqubo yenkciyo ngelithi inyhasha amalungelo abantwana.

“Asibafuni abantu abalwa nesiko lethu bengezi nento abathi makufakwe yona endaweni yalo. Eli siko lokuhlolwa lisiko lidala lamaAfrika, liqala umntwana eyimveku xa egqiba ukuzalwa ngokuthi unina amkrobe kwilungu lakhe langasese ukuba yinkwenkwe okanye yintombazana na. Unina womntwana ke umane elikroba ke eli lungu ukuba konke kusahamba kakuhle kusini na kulo. Ke xa nithi maliyekiswe nithi maliqale nini ukuyekwa, xa eminyaka mingaphi umntwana ngoba liqala kwasekuzalweni?” utshilo uNkosi uMatanzima, eqhuba esithi kukhona abantu abahlelele ukutshicela nokujongela phantsi izinto ezenziwa ziinkosi.